Beeld | Die Burger | Volksblad | Rapport | Sake | Finansies & Tegniek | LandbouWeekblad |
Huisgenoot
| Dit | Sarie | Bruid24 | LitNet | KykNet | Gemeenskapskoerante
Error processing SSI file
 

Home Page
Business Index
Weather
News
  • Local
  • Crime/Courts
  • Sport
  • Health
    Education
    Environment
    Religion
    Women
    Features
    Humour
    Letters
    Profile
    Diary
    Miss CityVision
    News24
    Entertainment
    Competitions
    Financial news
     
    About Us Search Advertising
      Brought to you by:

    08/05/2008 11:35 AM - (SA)
    Amatutu awenzi ngayeza ayinikwa sithi


    Mhleli obekekileyo

    Ndithi mandithabathe eli thuba ndilumkise uluntu ngomkhuba wokuthathelwa imali ngabantu abathi bayanyanga. Aba bantu basebenza bengamaqela xa besenza lo mkhwa wabo.

    Okokuqala bamamela abantu xa bencokola bazokufumana ulwazi ngomntu lowo bafuna ukumenza ixhoba labo.

    Kuvela umntu kuwe sele ekubiza ngegama okanye ngesiduko sele ekuxelela ingxaki zakho zempilo.Kulapho ubani uye akhwanqiswe kukuva lo mtu umchaza engamazi.

    Emveni kwalo nkcazo baye bafune ukuba ushiye ispaji sakho kubo nemali njengoko bezakunceda kule ngxaki bakuxelele ngayo.Baye bafune neenkcukacha zakho zebhanka.

    Konke oku bakufuna ngobuchule abazibizi ngqo ezi zinto bazifunayo. Ngamanye amathuba baye bathi zifunywa zizinyanya zakho.Banobuchule bokuyifuna iPIN code yakho kwaye ubanike.

    Le ke inkqubo ingentla bathi xabeyibiza ngokuba yiZ4. Ukuba kutheni besitsho andinabuchule.

    Indlela yesibini abayisebenzisayo yile yokuwisa imali ebhijele amaphepha. Kuvele umntu sesithi uchole imali nawe uyibonile ningayokuyigqebha.

    Nithi nisayigqebha njalo kuvele mtu wumbi ozenza ipolisa athi ungu Sajin, abange ukuba kulahleke imali ngoko ke ilapha kuni kwaye yikhupheni yonke eyenu esebhankeni izekuhlolwa.

    Lumkani nto zakuthi akukho mali kulento uyicholayo koko yimali le ingaphezulu ngaphantsi ngamaphepha odwa.

    Aba bantu abajiki mali koko bakunika amaphepha emveni kokuba wena ubanike imaili yakho.

    Le ke inkqubo ingentla bathi xabeyibiza nguMlenze.Ukuba kutheni besitsho andibuchule.

    Abanayeza aba bantu koko sibanika ngokwethu imali yethu.

    Oko kugqibela naxa bebanjiwe babuya msinyane ngoba abaxhwilanga koko ubanikile.

    PRO THOMAS

    Mandalay




    Back to top     Back to top

    © 2000 City Vision - all rights reserved