|
|
|
03/07/2008 12:03 PM - (SA)
Baphiwe izixhobo zesayensi
YINTATHELI YETHU
 |
|
 |
ICollege of Cape Town inikele ngezixhobo ezisetyenziswa kwezenzululwazi kwisikolo samabanga aphakamileyo iOscar Mpetha eNyanga.Ezizixhobo zizakuncedisa abafundi kwesisikolo bazi nzulu ngezobunzululwazi. Ezizixhobo zisuka kwikhampasi yaseCrawford yalapha eCollege of Cape Town kwaye inikelwe ngenjongo zokunyusa umgangatho wezobunzululwazi eOscar Mpetha. Intloko kwezobugcisa nobunzululwazi apho uMnumzana Themba Mpulu nabafundi bakhe bebengawuvali umlomo luchulumanco.
“Ezizixhobo zibalulekile ekuncedeni abafundi bazi ngcono kwaye bakwazi ukusebenzisa ubuxhakaxhaka benzululwazi,” uphefumle watsho uMnu Mpulu.
ICollege of Cape Town ihamba phambili kwiNtshona Koloni kwikholeji ezenza iFurther Education Training kwaye ikho lonke iKapa naseGugulethu. Inenjongo zokuphulisa uluntu ngokubanzi ngokubanika ulwazi olubalulekileyo noluya kubabangela baphumelele emisebenzini. Izifundo zekholeji zikubugcisa (engineering), ezoshishino (business) nezinye(general studies). Amathuba akhona ukuba ufundela ukuba ngumpheki, injineli okanye usomashishini. Ikholeji iphakathi eluntwini kwaye iyazingca ngokunikela kulutsha.
Xa ufuna iinkcukacha ngeCollege of Cape Town tsalela 086 010 3682 okanye bhalela info@cct.edu.za. Okanye tyelela www.cct.edu.za.
|
 |