ASENGAZIBHAQA esenkathazweni amapolisa amabini atyholwa ngokuzama ukufumana imali yokuthoba unxano ngondlelamnyama.
Ngokwengxelo esiyifumene kumthengisi wotywala ongenampephamvume, uNokuzola Nxonyeka, inkathazo iqale ekuseni kwangoMgqibelo ngethuba omnye wabathengi bakhe enkqonkqoze ngentseni efuna ibhotile yeCastello.
“Umama nobeshiyeke nabantwana walile ukuvula esithi kusesebusuku, lo mthengi ushukumise iingcango ngamandla. Uthe esakungxolelwa ngunyana wam wayeka wahamba,”utshilo uNokuzola.
Uthi uye wacinga ukuba makaye kufaka isimangalo emapoliseni ukuze lomthengi alunyukiswe ukuba angaphindi enze into enje. Ufikile emapoliseni wabeka ibali lakhe ze kwathi ethubeni kwathiwa makatsibele evenini ibimise apho, naye wenjenjalo ngethemba lokuba kuyiwa kumthengi onxanwa kwangentseni.
“Siphume emapoliseni eHarare saya eTown Two saze emva seza apha endlini apho ndiwacacisele khona kakuhle lamapolisa ngengxaki yam.
Kuthe kanti kukuqala kwenkathazo oko,” utsho uNokuzola ubuso buzaliswe ziinyembezi.
Lamapolisa afike abona iintaphane yeekasi zotywala aze afuna iphephamvume lokuthengisa utywala kuNokuzola othe wakuthi akanalo abhavumla ngumsindo afuna ukumvalela.
Elinye lalamapolisa lithe kuNokuzola uzakuvalelwa aze akhutshwe ngebheyle eyiR1500.
Kuthe kanti urheme uhlabe ekhangele kuba ucebise uNokuzola awinike “iR300 kunye nedrink” ukuze lomcimbi ubethwe ngoyaba.
“Ndithe andimali ze aphinde abuye late xa ndinayo,” uhambisa atsho uNokuzola.
Emva kokuba emkile lamapolisa uNokuzola ubize amalungu eCommunity Police Forum wawachazela oku.
UTamara Sam we CPF uthi bamxelele uNokuzola ukuba lama polisa ayaphazama.
“Sibone ubugwenxa kulento, sathi kuye asibize xa efika lamapolisa,” uTamara utshilo.
Ngeliyinene afikile amapolisa eze kulanda imali..
“Sithe sakwala ukukhupha lomali asuka lamapolisa abiza amanye aze aqalisa ukuthutha utywala esinukuneza ngathi sizizinja,” uhambisa atsho uTamara.
Emva koxambuliswano amapolisa abuthathile utywala washiyeka uNokuzola eqhwesha nto leyo ibangele ukuba kuhanjwe nonyana wakhe.
Ngokomastishi wase Harare uSuperintendent Vossie Vosloo lomcimbi uzakuqwalaselwa ngeliso elibukhali. “Ökwangoku abacuphi bethu basaphanda zonke iinkalo zalomcimbi kuba kaloku lonke ibali linamacala aphikisanayo,” utshilo uMnu Vosloo.
Ukanti uNokuzola umangalele lamapolisa kwi Internal Complaints Directorate eBellville nalapho lamapolisa kuthenjiswe ngophando olukhawulezileyo.