Beeld | Die Burger | Volksblad | Rapport | Sake | Finansies & Tegniek | LandbouWeekblad |
Huisgenoot
| Dit | Sarie | Bruid24 | LitNet | KykNet | Gemeenskapskoerante
Error processing SSI file
 

Home Page
Business Index
Weather
News
  • Local
  • Crime/Courts
  • Sport
  • Health
    Education
    Environment
    Religion
    Women
    Features
    Humour
    Letters
    Profile
    Diary
    Miss CityVision
    News24
    Entertainment
    Competitions
    Financial news
     
    About Us Search Advertising
      Brought to you by:

    08/05/2008 11:40 AM - (SA)
    Isinde ekufeni ingcibi
    LINDA KABENI


    INGCIBI yodumo yase Tambo Village uLucas Zokufa usazikhotha amanxeba emva kokusinda ekutshiselweni nomzi wakhe kutshanje.

    Le nkonde iminyaka engama-82 iye yahlaselwa ngumntu ekuzeni kusa koMgqibelo umhla we14 ku April kodwa ngethamsanqa abammelwane bathi bambhaqa umhlaseli.

    Le ndoda nekuthiwa ingummelwane welikhaya ibanjwe ngabahlali ngoko nangoko bayifaka imibuzo eluthotho besemsindweni.

    Iziphendulela ibaxelele ukuba yenze isisenzo ngenxa yokuba yathakathwa yintombi nonyana wengcibi le.

    “Kudala bendingcungcuthekisa ngobugqwirha ngoku ndithe mandiphindise ngokwenjenje,”itshilo lendoda singena kuyibiza ngegama.

    Ekhathazekile oka Zokufa uthi umlilo utshabalalise konke ebenako ekhayeni lakhe.

    “Kokwesibini indlu yam isonakaliswa, okokuqala yabethwa ngamatye kwaye iyandothusa kuthi kanti ndisukelwa ngumntu ohlala nathi,” utshilo ubaw’ uZokufa.

    Oka Zokufa uzikhabe oko komshologu izityholo zokuba inzala yakhe inento yokwenza nobugqwirha ekwatsho nokuba lo mhlaseli akamnandi ncam entloko.

    Ukanti iinzame zokuba lo mhaseli abanjwe zithiwe amanzi ngamapolisa ase Manneberg Police Station nathi lo mcimbi ufanele ukuxoxwa “isiXhosa”

    Ngoku lengcibi inamava eminyaka emininzi isalusa, ithi yoyikisela ubomi bayo.

    Ugxa walengcibi uMaduna Ngabeni uthi kuyothusa ukuhlaselwa kuka Zokufa nanjengoko emdala kwaye ekhathazwa nayimpilo.

    “UZokufa ukwimeko embi kakhulu kwaye amanyathelo ase mthethweni kumelwe athathwe phambi kokuba lenyewe ikhokelele ekufeni komntu.”

    Iinzame zokuthetha namapolisa ziwe phantsi njengoko uSuperintendent Naidoo ophethe eMannenberg ebengafumaneki ngethuba sisiya kushicelelo.




    Back to top     Back to top

    © 2000 City Vision - all rights reserved