Bazakulima nasesichithini

2016-04-21 06:00
 UTheodora Magada no Nokwakha Mqqolombeni besegadini yabo eFiliphi.

UTheodora Magada no Nokwakha Mqqolombeni besegadini yabo eFiliphi.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abanye abafazi bathi soze basonge izandla kuba kungekho mhlaba wokulima bazokulima noba kusesicithini xa kunyanzelekile.

Aba bafazi babini base Filiphi uTheodora Magada noNokwakha Mqolombeni bathi ukulima yinto abazalelwa kuyo ayiyonto intsha kubo kwaye abazuyeka kuba besedolophini.

Bobabini bathi bakhule kulinywa kumakwabo futhi besitya imifuno ekhiwa egadini kwaye ukulima yindlela abantu abamnyama ababephila ngayo kwantlandlolo.

“Ekhaya ndikhule kulinywa imifuno, amazambane, amakhaphetshu, amatswele nesipinatshi ndaze ndendela eKapa ndahlala kwaKhikhi nomyeni wam. Apho ke kwakungekho ndawo yakulima kuba umhlaba wawungekho tu. Sabona ukuba masingahlali sisonge izandla masenze into noba incinci. Ukuqala kwethu le gadi yayingamatye nje apha kulendawo kunzima ukulima. Sawadudula nzima lo matye amakhulu kuqala, siwadudula ngokwethu.

Kwakunzima kakhuku ngoba sasingenazinto zokuwasusa, sasiwasusa ngezandla. Ummangaliso owasikhwankqisayo kukuba xa sinkcenkceshela la matye asuke akhule abe makhulu kakhulu. Yasimangalisa ke lonto kakhuku singazi noba sizothini na. Zange sityhafe ngenxa yalonto kuba siyakuthanda ukulima.

Enye into amazambane ayephuma emagqanini into esingazange sayibona ebomini bethu,” watsho ehleka umamaTheodora.

Eyona nto eyabangela ukuba bancekelele kobo bunzima kukuba ukulima kubo yimpilo nokuba izabanceda ethubeni ukunqanda ikati eziko. Bathi ke ukuqala kwabo babeliqela noxa abanye batyhafa, bacingela ukuba batyhafiswa ngala matye makhulu.

UNokwakha yena uthe: “Phambi kokuba ndize apha eKapa ndandisebenza eskimini elalini yam silima le mifuno,andiyiqali apha lento. Saphela ke eso skim sayeka ukusebenza. Ndiza apha eKapa ndizokhangela amadlelo aluhlaza, ekuhambeni ndadibana nabafazi abathanda ukulima ndavuseleleka. Safuna indawo sade safumana ke indawo eyayinzima kakhulu ukusebenza kuyo ngenxa yamatye amakhuku.

Kwakungelula konke konke ekuqaleni, sasixakene nento. Zange kaloku siwabone amatye ekhula kuba kunkcenkceshwela, ayengathi atheni na emva kokunkcenkceshelwa ukukhula oku.

“Saqonda uba ukuyeka akuzusinceda kungcono sinyamezele. Sanyamezela kwade kwangoku njengoba uyibona. Intle ngoku kakhulu. Akufani nokuhlala kuba siyakwazi ukuthenga nombane noba sipheke ngenxa yayo kwaye isinceda siphilile ngoba sitya ukutya okunempilo. Naxa ugoduka uyakwazi ukufika uphethe nto endlini.”

Bathe ke bafumana uqeqesho ku Abalimi Bezekhaya ukwazi ezinye izinto ezinxulumene nolimo. Baye bafumana umgquba nezithole ukuba zemifuno eyahlukileyo nezinye iindlela zolima. Bathi ke bayabulela kakhulu kuye ngoba ngoku bayakwazi ukucebisa nabanye abantu. Bathi bayazama ukuya kubanye abangasebenziyo ekuhlaleni babaxelele ngendima yokulima nokuba bangeza kuzibandakanya kweyabo.

“Nkqi abezi. Abantu bafuna ukufumana imali ngokukhawuleza hayi ukuba balinde. Kunzima ke ukuba bazibandakanye nathi kodwa asiyekanga ukuthetha nabo,” uthethe kanjalo uNokwakha. Iyabahlupha aba bafazi into yokungaxatyiswa kokulima ezidolopheni kodwa bantu bayalamba.Bathi ukulima kuyinto yonke ngoba umntu uyakwazi ukungathengi mifuno bakhe egadini.

Kwaye nabantwana abangakuhoyanga ukulima akuyonto intle kuba ithetha ukuba esi sizukulwana siya kuphila epokothweni hayi ngokulima.

”Ukuba urhulumente angabuyisa izikolo zezolimo ezikolweni abantwana bethu banganomdla entweni edibanise nkulima babona ukubaluleka kwako. Ulutsha lwanamhlanje lufuna ukufunamana imali ngoku abafuni nto ibadibanisa negadi konke konke,” watsho uNokwakha.

Kwakhona bathe uqeqesho abalifumana ku Abalimi Bezekhaya labenza bakwazi ukwazi uba mabathini xa bedibene nezo ngxaki, babona ukuba umonde uyakubanceda. Ngoku imifuno yabo bayithengisa kwezinye ivenkile batsho bafumane imali noko.

“Abalimi Bezekhaya bayasinceda ngoku bahambe bethetha ngomsebenzi esiwenzayo. Bayathatha bayokuthengisa sitsho sifumane imali. Bayasinceda kakhulu,” watsho encumile umam’uMagada.

Eluhambeni lwabo baye badibana no Nkosikazi Nonzolo Lumba onekhaya lokuphekela abantu abangathathi ntweni wabasondeza kuye.

“Unceda kakhulu uNonzolo apha ekuhlaleni ngoba abanye abant bayayazi ukuba mabazokutya apha ngesidlo sasemini. Mna ndandimonyule ukuba makabe nuCeba kuba nguyena onceda bantu apha. Bafumana imadlana ngenxa yakhe. Siyambulela kakhulu.”

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
PARTNER CONTENT
INFOGRAPHIC: New thinking required for retirement

Everything we believe about retirement is fast becoming outdated.

PARTNER CONTENT
WATCH: How education can change a life

A university education gives students the chance to create a better future for themselves, their families and to opportunity achieve their dreams.

/News

Book flights

Compare, Book, Fly

Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.