OPINION: Rhabul’apha ungafinci

2017-03-16 06:03
on the runlunga adam

on the runlunga adam

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ngumba othande ukubanzima lo wokunqongophala kwamanzi.Ngexesha lokubhala lomhlathi, umthamo wamadama ubume ku 21%. Imeko imaxongo. Ziyaqengqeleka iinyanga urhulumente kwakunye nesiXeko saseKapa bebongoza uluntu ukuba lusebenzise amanzi ngononophelo, kodwa kukhangeleka ngathi ezo nzame ziwela phantsi. Isishiya phi ke lonto? Ikamva likhangeleka limfiliba ukuba lomba awunikwa ngqwalasela. Okucace mhlophe kokokuba abantu bakuthi balinde ukuba kucinywe iimpompo phambi kokuba bavule amehlo bayibone ingxaki esikuyo. Le nyewe ndiyifanisa nqwa naleyo sasijongene nayo malunga nombane, nalapho u Eskom wathi wayalela abantu ukuba bayijonge indlela abawusebenzisa ngawo umbane, nanjengoko i Medupi Power Station apho utsalwa khona umbane yayiphantsi koxinzelelo olumandla. Abaninzi bethu azange bawuthathele ngqalelo lo myalelo, de kwafika ithuba lokuba ucinywe umbane, umke iiyure eziliqela imihla ngemihla. Ufike abantu bakuthi bekhalaza besithi: “Ngumbane otheni lo umka umhla nezolo? Uyasigezela uEskom ngoku.” Ndithi ndakujonga ekuhlaleni, ndifumanise ukuba kukho abantu abankcenkceshela izityalo zabo besebenzisa imibhobho endaweni yokusebenzisa amapheyile, nto leyo ibinokudlala indima enkulu ekongeni amanzi. Nabatwana ngapha bakwhijana ngemibhobho xa ilanga ligqats’ ubhobhoyi. Kuyandikhwankqisa konke oku, kuba njengomzi ontsundu, asaziwa njengabantu abawathandayo amanzi. Ndikhumbula sisakhula, abazali abaninzi babethanda ukuthi xa bengxolisa oonyana babo bathi: “Akawathandi ke amanzi lo mntwana.” Kukhangeleka ngathi akukabikho nto itshintshileyo kunanamhlanje. Wofika kukho amakhwenkwana adlala imini yonke kwindawo eziwenza abemdaka umzimba lo wonke, de maxa wambi kubenzima nakubazali bawo ukuba atsho ngeliphandle ukuba, ‘Lo ngumntwana wam.’ Lo mkhwa wokungafuni manzi uhamba uhambe uchaphazele nabo sele bekhulile. Abanye bade bayibaxe ngokungahlambi iintsuku zide zibentathu zilandelelana! Abo bangabaqhubi bee taxi kwakunye namaphela baye bakhankanywe njengabo bagcina umtyhi phakathi kwabo kwakunye namanzi. Amarhe ngawokuba ezindedeba azilifumani kwaphela ixesha lokuzigutyula kuba kaloku kufuneka zivuke ngenj’ ixukuxa zise abaphangeli kwiindawo ngeendawo, ze zibuye ngorhatya. Ubunyani balonto, hayi, andikwazi ubungqina. Mandithule ndithi tu, ndixelise u Queen Moroka pha ku Generations xa exelelwa ihlebo. Phofu ke ndiyazi ukuba kukho nabahlonitshiweyo ekuhlaleni abaye babethe nje “iziphaluka” xa behlamba. Uthi siyakuze sibenayo intshatsheli ye Olympics entsundu kwelicala leendadi? Ey, andiyazi ukuba yintoni eyenza uloyiko olungaka lwamanzi apha kuthi – umntu omnyama namanzi ufana nje nepolisa kwakunye nesigila-mkhuba – azidibani. Yilonto ke ndimangazeka kwaye ndizibuza ukuba kutheni lento mzontsundu singafuni ukumamela xa sibongozwa okokuba masonge amanzi. Amanzi bubomi. Imbalela isihleli entanyeni kwaye nemvula ayivumi konke konke ukuza ngapha. Mhlawumbi ukhona oye wacula wanjenje: “Mvula mvula bhek’ eBhayi. Langa Langa yiza ngapha.” mMlesi ndithatha inxaxheba ekulweni noludabi lokunqongophala kwe H2O. Sithetha nje, ndimanxadanxada, ndingene ndaphelela kwiinyembezi zika Sis’ Victoria, ngelokukhawulelana nale ngxaki. Nawe ke, ndiyakucela ndikubongoza, dlala eyakho indima.

Rhabul’ aph’ ungafinci, wonge amanzi.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Partner Content
How data is changing investments

Technological disruption is rife in many spheres of business and given the quantity of data available, it’s no surprise that the way in which asset managers work is also changing fast.

Behind the sparkle

Alluring, beautiful and timeless - diamonds are some of the most sought after gems in the world and are a true testament of everlasting brilliance. Let us take you behind the sparkle to show you the history behind this coveted jewel.

/News
 

How to get rid of fleas

Before you call in the pricey exterminators, try this DIY approach that promises to get your flea problem under control.

 
 

Paws

12 Cool cat facts
Chocolate can be fatal for dogs
Spider-man star's adorable relationship with his dog
Do you know what you are feeding your dog?
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.