Ulwaluko lixesha elifunisa inkathalo ngabantwana bethu

2015-11-26 06:00
 Lifikile ixesha lolwaluko kungoko kukhutshwa izilumkiso ezingaluncedo ebakhwetheni.

Lifikile ixesha lolwaluko kungoko kukhutshwa izilumkiso ezingaluncedo ebakhwetheni.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Zidwesha zomzi weNtshona Koloni.

Libuye lafika ixesha lokwenza amadoda; ixesha lolwaluso lwamakhwenkwe neli lixesha elinzima kakhulu kwisizwe siphela ngenxa yelifu elimnyama eligubungele eli siko.

Ukuhlangabezana nemingeni emiyo ke siliSebe lwezoBugcisa neNkcubeko sicebisa ngolu hlobo lulandelayo nakubani na oza kwalusa kwezi holide zehlobo:

Ikhaya liphela malivumelane ngokwaluswa kwenkwenkwe, ungabi yinto kabani nobani umba wokwaluswa komntwana.

Amalungiselelo okuqinisekisa ukuba umntwana ukulungele ngenene ukuya esuthwini makenziwe kwangexesha.

Ikhaya malidibane neqonga lezolwaluso (Initiation Forum) lengingqi yalo ukuva ngezinto ezidingekayo kumalungiselelo okwaluswa komntwana.

Inkwenkwe mayisiwe kwiziko lezonyango (ikliniki) ukuya kuqinisekisa ukuba ikulungele na ukwaluka ngokwasempilweni. Ugqirha okanye igosa lezonyango kufuneka likhuphe isiqinisekiso (medical certificate) sokuba inkwenkwe isempilweni, eso siqinisekiso ke kufuneka sinikwe iqonga lezolwaluso lengingqi yakho nengcibi eza kwalusa inkwenkwe.

Nceda uqaphele: ayimele kwaluswa inkwenkwe ngaphandle kwesiqinisekiso sempilo esikhutshwa ngugqirha okanye ligosa lezonyango elisesikweni.

Cela iqonga lezolwaluko lengingqi yakho ukuba likucebise ngengcibi efanelekileyo nenamava nangenkhankatha elikwanjalo, okanye wazise iqonga elo ngalo ngcibi nekhankatha ocinga ukuyisebenzisa ukuba unabakho. Kufuneka uqinisekise ukuba ingcibi nekhankatha lakho bayathethana ngemiba ethile nangenkqubo yabo yentsebenziswano.

Ukutya komkhwetha makusuke ekhaya ngalo lonke ixesha.

Musa ukumnika imali umkhwetha. Utywala , iziyobisi nezinto ezifana nezo azivumelakanga esuthwini.

Utata okanye indoda yekhaya mayimtyelele rhoqo umkhwetha esuthwini ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela kwaye nekhankatha liwenza ngendlela umsebenzi walo.

Zidle ube secaleni konyana wakho ngalo lonke ixesha. sukumyekela kubantu abangaziwayo unyana wakho. Umkhwetha makakhutshwe kuphela akuphila, hayi engekaphili!

Ngeengcebiso ezithe vetshe namalunga neqonga lezolwaluso lengingqi yakho qhagamshelana nabaphathi benkqubo yolwaluso yeSebe:

uMnu C Williams (Sukwini) kule namba: 021 4839717, i-imeyile Clement.Wiliams@westerncape.gov.za okanye uMnu T Ntshona (Nkomo) kule namba 021 4839714, i-imeyile Thandwa.Ntshona@westerncape.gov.za

Nazi iinkcukacha zamaqonga ezolwaluko ngokwahluka kweengingqi.

EDelft fowunela uNkosi Vulithuba Toto Nongwe kwinombolo engu 0735323804.

EDriftsands qhagamshelana no Mnu Situlo Hobe kwinombolo eng 0768542397.

EJoe Gqabi (Phillipi) fumana uNkosi Nicholas Tiya kwinombolo engu 0720360522.

EHazeldene thetha noMnu Sikelela Zokufa kwa 0737726574.

EKhayelitsha fumana uNkosi Thembelani Mtotywa kwinombolo engu 0829306465.

Kwa Langa dibanan no Mnu C Katangana kwinombolo eng 0722326234.

ELwandle kukho umnu Mnu Fumbata Sidwell Majikijela kwinombolo engu 0838814485. EMfuleni krweca uMnu Mgwedli kwinombolo engu 0784043351.

ENyanga Junction thetha no Mnu Siyavuya Qumba kwa 0787981944.

Iinombolo zamaxa kaxakeka zezi:

Umlilo nentlekele yendalo107 kumnxeba wasendlwini, 112 Kwiselula

Amapolisa10111

I-ambulensi10177

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
PARTNER CONTENT
INFOGRAPHIC: New thinking required for retirement

Everything we believe about retirement is fast becoming outdated.

PARTNER CONTENT
WATCH: How education can change a life

A university education gives students the chance to create a better future for themselves, their families and to opportunity achieve their dreams.

/News

Book flights

Compare, Book, Fly

Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.