Uluntu lukhaba uhlaselo lwezizwe zase Afrika

2015-04-30 06:00
ANIYINDAWO: Umphathiswa olisekela kwezangaphandle uNomaindia Mfeketho ubaqinisekisile abemi bamanye amazwe ukuba urhulumente uzakwenza konke anako ukubakhusela kubundlobongela.  

UMFANEKISO: 
Mandla Mahashe

ANIYINDAWO: Umphathiswa olisekela kwezangaphandle uNomaindia Mfeketho ubaqinisekisile abemi bamanye amazwe ukuba urhulumente uzakwenza konke anako ukubakhusela kubundlobongela. UMFANEKISO: Mandla Mahashe

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

“Xa abantu besithi makuhlaselwe abantu bamanye amazwe yithini hayi, nakugqiba nibanqande abo bacinga lomkhuba,”.

Lowo ibingumyalezo ubuphethwe lisekela mphathiswa kwi micimbi yagaphandle, uNomaindiya Mfeketho ngethuba ebebambe iMbizo nabahlali baseKhayelitsha ngoLwesine odlulileyo.

Le Mbizo ibiyeyokushukuxa umba wokuhlaselwa kwabemi bangaphandle abakweli, kwiindawo ezifana nomaKZN naseRhawutini kutshanje.

“Ndivuyiswa kukuba apha eKapa asikhange sikope okwenziwa ngabantu apho kubulewe khona abantu bokufika. Yaye inga singayibamba kanjalo kuba xa ubulala umntu ubulala usapho lwakhe lonke, kuba emva kwendoda kukho umfazi nabantwana abazakushiyeka besokola ngakumbi,” utshilo uMfeketho.

Phantsi kwesihloko somcimbi esithi “Africa Unite: Phantsi ngeXenophobia” isizathu salembizo ibikukufumana isisombululo sokuba kungenzwa njani xana oludushe lunokuphumela kweliphondo.

“Eyona nto ibalulekileyo yeyokuba singabavumele abo benza ububi. Sibanqande yaye siyazi ukuba sizakubakhusela abantu bamanye amazwe kuba nabo benza njalo kumathsa ntliziyo ethu awayesilwela inkululeko yelilizwe,” utshilo uMfeketho.

Woleke ngelithi abo bangaphambili koludushe yimigewu ejonge ukuzuza ngolwaphulo mthetho nto leyo yagxininiswa yinkokheli yombutho iSeskhona People’s Rights Movement uAndile Lili.

“Ngamanqenerha ezikrelemnqa la aqhuba oludushe. Ukuba uyaqaphela bonke ababantu bathi emveni kokugxotha ababantu bazithathele kwigrosali ezisezivenkileni.

Kudala saphila nabantu bangaphandle qha into eyenzikileyo apha kukuba izikrelemnqa zizenzela onothanda,” utshilo uLili.

Ukhuthaze uluntu ukuba luzale izinto ezithathwe ngokungekho semthethweni kubantu bangaphandle.

“Lento ayinakwenzanto nokungafuni bantu bangaphandle qha ngabantu abafuna izinto ezilula endaweni yokuba basebenze kanzima,” ulebele ngelo uLili.

UJean-Paul Balikwisha waseDR Congo obelindwendwe kulembizo uthe uyavuya xa ebona ukuba bakhona abantu ababonisa iinkxaso kubantu bangaphandle kweli.

“Namhlanje urhulumente waseMzansi usibonisile ukuba uqinisekile ekufumaneni isisombulo salengxubakaxaka. Iyasivuyisa lonto kuba kuyabakala ukuba ayisinguye wonke umhlali ochaseneyo nathi,” utshilo.

Akukabikho ziganeko zobundlobongela zokuchasa abantu bangaphandle kweliphondo yaye uMfeketho uthi urhulumente uzakuzama ngandlela zonke ukuqinisekisa ukuba lemeko ihlala injalo

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

24.com publishes all comments posted on articles provided that they adhere to our Comments Policy. Should you wish to report a comment for editorial review, please do so by clicking the 'Report Comment' button to the right of each comment.

Comment on this story
0 comments
Comments have been closed for this article.

Inside News24

 
ADVERTORIAL
Competition regulation for a growing and inclusive economy

ADVERTORIAL: The Competition Commission of South Africa is conducting advocacy work in the South African automotive aftermarket industry and has gazetted a Draft Code of Conduct for public comment.

/News
 

Man scores date with tennis superstar after Twitter bet

It’s a modern day Cinderella story, but one American man took ‘shoot your shot’ seriously in 2017.

 
 

You won't want to miss...

Who are the highest paid models of 2017?
10 gorgeous plus-sized models who aren't Ashley Graham
5 top leg exercises for men
10 best dressed men of 2017
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.