Abadlali beChess bafuna uncedo

2019-09-12 06:01
Abadlali bomdlalo iChess besikolo samabanga aphantsi Impendulo.

Abadlali bomdlalo iChess besikolo samabanga aphantsi Impendulo.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abafundi besikolo samabanga aphantsi Impendulo, eMakhaza, bazakumela iphondo leNtshona koloni kumdlalo we Chess kwiphondo i-KwaZulu Natal kwinyanga yoMnga.

Aba bafundi badlala umdlalo weChess, nalapho badlala kubadlali abaneminyaka engaphantsi kwe 13.

Esi sikolo siqale ukudlala lo mdlalo ngomnyaka ka 2016 ngethuba u-Mveliso Mayekiso, nongumqeqeshi, ecela ukufundisa abafundi ngalo mdlalo.

“Ndaye ndacela apha esikolweni ukuba ndifundise abafundi lo mdlalo kuba ndabona ukuba abanawo,” utshilo.

Uthe inqununu yesikolo ngoko yaye yavuma kodwa ibalula ukuba lo mdlalo uyabiza kakhulu epokothweni kuneminye imidlalo.

Uthe abantwana bayawuthanda kakhulu lo mdlalo, kwaye badlala ngokuzimisela kuba bade banabadlali abayi 12 abadlalela iqela leNtshona Koloni.

Uthe isokolo sabo sona sesinye sezikolo ezintandathu eziphezulu kulo mdlalo eNtshona Koloni.

U-Mayekiso uthe baye bamela isithili sabo, iEast Metrople, nalapho bebedlala nezikolo ezaziwa kakhulu kulo mdlalo.

“Siye saqubisana nezikolo ezinconywayo kulo mdlalo kodwa saphela siphumelela kwindawo yokuqala,” utshilo.

Uthe ngoku bazayokumela iphondo, nalapho bazakuthi baqubisana nezikolo ezisuka kwamanye amaphondo.

Uthe into emi phambi kwabo ngoku kukungabikho kwemali yokuba abafundi babe bayahamba kwaye bafumane nendawo yokuhlala eDurban.

Inqununu yesikolo uZuziwe Mputa uthe ubaluleke kakhulu lo mdlalo kubafundini.

“Xa sijonga abafundi abadlala lo mdlalo siye sibone ukuba ukhona umahluko xa kufikwa ezincwadini,” utshilo.

Uthe baye bakwazi ukusombulula ingxaki, kwaye baye babekrelekrele kakhulu ezifundweni zabo.

U-Mputa naye uthe ingaba yinto embi into yokuba aba bafundi bazakuya eDurban bangangayi ngenxa yokungabikho kwemali yokuba mabahambe.

Waleke ngelithi uyabongoza nabani na onokuba nceda enze kanjalo ukuze abantwana bahambe beyokudlala umdlalo abawuthandayo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.