Abafundi babonisa izakhono zabo

2020-02-20 06:04
Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo i-Intshukumo bebenokhuphiswano loo nobuhle.

Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo i-Intshukumo bebenokhuphiswano loo nobuhle.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bekushiyanwa ngotyefezo ngethuba abafundi besikolo samabanga aphakamileyo, i-Intshukumo, eGugulethu, besingethe ukhuphiswano loo nobuhle ukubhiyozela usuku lwezithandani, i-Valentines’ Day.

Lo msitho ubusingathwe kwiholo yesikolo ngoLwesihlanu umhla we 14 kweyo Mdumba. Akuphelelanga nje apho, amaqela ohlukeneyo omculo athe onwabisa izihlwele.

Umququzeleli walo mnyhadala uLwanda Mpondo, nosebenza njengomncedisi kwesi sikolo, uthe oko wafika kwesi sikolo uye waqaphela ukuba abafundi ayikho into abayenzayo ukuzonwabisa, ngaphandle koku ngena emagumbini okufunda bafundiswe bagoduke.

“Ndiye ndabona ingumbono omhle into yokuba ndonwabise abafundi ukuze bangadikwa sisikolo bayazi ukuba akuphelelwa ezincwadini kuphela kuyonwatywa nokonwatywa,” utshilo.

Uthe kubalulekile ukuba abafundi babenomdla wokuya esikolweni, kwaye ukungabikho kwamatheko okubonwabisa kubenza batyhafe.

Uthe ulonwabo luhamba ncakasane nezifundo kuba abanye abafundi ngokungonwabi esikolweni baphela beyeka phakathi noko kufunda.

U-Mpondo uthe amatheko akumila kunje enza abafundi bazive bekhuselekile beyinxalenye yesikolo kwaye bebumbene.

Uthe uye wavuya kakhulu ngolusuku akubona ukuba abafundi bonwabile kuba kude kwagqitha nexesha lokuphuma kwesikolo, kodwa babe besahleli.

Waleke ngelithi uzakuzama ukuba ingabi ngowokugqibela lo msitho.

Isekela nqununu uJudy Makasi uthe kubalulekile ukuba besi sikolo babe nawo lo msitho kuba ixesha elininzi baba manxadanxada zizifundo.

Uthe abafundi bathe baveza nezakhono abanazo ezifana nokucula, kwaye yinto entle leyo kuba ubomi abupheleli nje ezifundweni.

Uthe imisitho ekumila kunje ibagcina abantwana ezikolweni kuba bayayazi into yokuba kuyonwatywa nokonwatywa.

U-Makasi uthe bazaku jonga ukuba bangaphinda babe nelinye itheko elinjena nini na esikolweni.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.