Abafundi bangene ilokishi balila

2019-09-12 06:00
Abafundi kunye notishalakazi bayacula ngexesha bebebambe umthandazo esikolweni.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Abafundi kunye notishalakazi bayacula ngexesha bebebambe umthandazo esikolweni.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abafundi kunye nootishala besikolo samabanga aphakamileyo iNtsebenziswano, ePhilippi, bebebambe umthandazo omfutshane ukulilisana nokukhumbula abo bathe baphulukana nemiphefumlo yabo bebulawa ngamadoda.

Lo msitho ububanjwe ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, nalapho abafundi abebephephezelisa amaxwebhu bathe bakhanyisa amakhandlela ukuzama ukubonisa intlungu yabo.

Amanye amaphekephe ebebhalwe ‘No To Rape, Cela uzophiwa’, ‘#Fight Back’, ‘#Respect Our Women’.

Umququzeleli walo mcimbi nokwangutishalakazi u-Unathi Bheme uthe besisikolo bakhala kunye nabo bathe bashiywa zizihlobo zabo ngenxa yokugetyengwa.

Uchaze ukubulawa kwabasetyhini nje ngento eqatseleyo nexhomisa amahle kwilizwe lonke. “Siye saqonda ukuba masibenento esiyenzayo ukuzama ukubonisa uvelwano nabo basenxebeni. Sikwakhuthaza nabafundi ukuba bathethe phandle ngokuhlukunyezwe bangathuli,” utshilo.

Ukwabongoze abazali ukuba bayeke ukukhulisa abantwana ngendlela engeyiyo. “Abazali mabayeke ukuthi xa bekhulisa abantwana basoloko beqononondise kumntwana oyintombazana. Nalo uyikwenkwe makafundiswe ukuziphatha eselula akwazi nokuhlonipha abantu abangamantombazana,” ucacise watsho uBheme.

Othethele abafundi Onwaba Nyangiwe (16) ofunda ibanga lethoba uthe bengabafundi, ingakumbi abangamantombazana, bahleli emngciphekweni kwaye banovalo lokudlwengulwa bakugqiba babulawe. Uthe abakhululekanga ekuhlaleni. “Sihleli nje sinovalo ngoba asazi ukuba kuzokwenza ntoni. Siziva singakhuselekanga kwindawo esihlala kuzo ngenxa yamadoda angabadlwenguli,” utshilo. Wongeze ngokubongoza abahlali ukuba babambisane ukuzama ukulwa ubundlobongela nobugewu.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.