Afrika Tikkun yenza imi mangaliso kwi mveku

2018-12-13 06:02
Abantwana abancinci baziphosa phantsi benza jayivu entsha idibala. PHOTOs: unathi obose

Abantwana abancinci baziphosa phantsi benza jayivu entsha idibala. PHOTOs: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibiyimincili nemivuyo kubantwana baseMfuleni ngexesha bebebhiyozela umnyhadala wokuphela konyaka obubanjelwe eZolani Malindi Centre ngoLwesine weveki edlulileyo.

Lo mnyhadala ubuququzelelwa ngumbutho ojongene namalungelo abantwana iAfrika Tikkun. Abantwana baphiwe izipho ze ncwadi, oobhaka, nezixhobo zokubhala.

Oyinqununu kwicandelo le Early Childhood Development eAfrika Tikkun, u Nkosibawo Menze, uthe inkoliso yabantwana ababagcinayo ngabaphuma kumakhaya ahlelelekileyo nangathathi-ntweni.

“Sinabantwana abangama 204 kwaye uninzi lwabo baziswe ngoonontlalo ntle. Ukanti abanye baye bazokucelelwa ngabazali babo, ukwenzela ukuba bagcinwe kwindawo ekhuselekileyo,” utshilo uMenze.

Uthe abo bathe baziswa ngonontlalo ntle kwelakhaya, abahlawuli mali empelanyanga, koko kuhlawula abo bathe bazocelelwa ngabazali babo imali engama R300 rhoqho ngenyanga.

Uthe banamagumbi amathandathu okufundisela, kunye nethala lokudlala (toy library).

“Igumbi ngalinye linootitshala ababini, ukanti mnye kwithala lokudlala,” ucacise watsho uMenze.

Uthe owona mceli-mngeni abajongene nawo kukumka kwabantwana ngenxa yezizathu ezahlukeneyo zosapho, nto leyo yenza kubenzima ukuba benze izicwangciso ezizizo(ngomntwana).

“Umyinge wabantwana esikwaziyo ukubathatha ngama 220, kodwa uphele unyaka sesiwe nganeno ngenxa yabanye abathe bemka phakathi enyakeni, phofu besiya eMpuma Koloni, ngexa abanye betshintsha indawo zokuhlala, nto eyenza kubenzima ukuba bafikelele kuthi,” uvakele esitsho.

U-Siphokazi Mbalo, nongumphathi kwicandelo lophuhlisa lolutsha (Youth Development Programme) uthe abantwana ajongene nabo baqala kwiminyaka esixhenxe ukuya kwabalishumi elinesibhozo.

Uthe kumaxesha amaninzi babafundisa ukuzimela bawazi amalungelo abo.

“Sifuna ukuqinisekisa ukuba bayakwazi ukuzimela nokukhokhela.

Kwaye siyaqinisekisa ukuba bayalulwa unxinzelelo lwetshomi (peer pressure) ngokufundiswa ngootitshala babo,” utshilo Mbalo.

Umfundi kwisikolo Blue Downs Primary owenza ibanga lesithathu uThandikhaya Mzo(12), ohlala eExtension 6, uthe uqale ukuzibandakanya neAfrika Tukkin kwiminyaka emithathu edlulileyo.

“Sifundiswa izinto ezininzi, kuquka uhlobo lonxibelelwano, ukusebenzisana, nokukhathalelana.

Ukanti siye sincediswe naxa sinomsebenzi wesikolo ekhayeni. Kwaye siye sibenalo nexesha lokudlala ibhola neminye imidlalo,” ucacise watsho uMzo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Most Read
News In Your Area
Top Lifestyle
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.