Akonwabanga uCele

2020-03-12 06:04
Umphathiswa wamapolisa uBheki Cele kunye ne sekela lakhe uCasell Mathale kunye nezikhulu zamapolisa aseKhayelitsha uCol Mkuseli Nkwitshi, ekunene, no mcuphi uMakhaya Mkabile, ngethuba bendwendwele eKhayelitsha.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Umphathiswa wamapolisa uBheki Cele kunye ne sekela lakhe uCasell Mathale kunye nezikhulu zamapolisa aseKhayelitsha uCol Mkuseli Nkwitshi, ekunene, no mcuphi uMakhaya Mkabile, ngethuba bendwendwele eKhayelitsha.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ukugxeke ngamandla ukusetyenziswa kotywala kunye nemipu engekho mthethweni umphathiswa wamapolisa kuzwelonke uBheki Cele. Uthe ezi zinto zimbini zingoyena nobangela wolwaphulo-mthetho kwilizwe jikelele.

Oku ukuthethe ngethuba ebendwendwele indawo yexhwayelo, nalapho kuthe kwabulawa abantu abasixhenxe, kwaze konzakala ngokumasikizi abanye abasixhenxe, kwindawo yentselo engekho mthethweni eSite B, kwindawo yakoo Q.

Esi sihelegu sehle senzeke ngentseni yangeCawe umhla wesibhozo kweyoKwindla.

Kubikwa ukuba amaxhoba ebehleli kule ndawo ngethuba kugaleleka amadoda ebexhobile evulela ngezulu lezandla.

Isixhenxe samaxhoba aye awunabela uqaqaqa, logama esinye isixhenxe, kuquka umntwana oneminyaka emithandathu, siye sabalekiselwa kwisibhedlela sesi thili sase Khayelitsha.

Esi siganeko sishiye uluntu lukhwankqisekile lungayivali imilomo.

Ngethuba etyelele le ndawo ngoLwesibini, uCele, nobephelekwa lisekela lakhe uCasell Mathale, uthe amapolisa ayaphanda kwaye ukhona umrhanelwa omnye osele ebanjiwe.

“Sinethemba lokuba ngokubanjwa kwalo mrhanelwa umnye nabanye ababe khona bazakubanjwa nabo,” utshilo.

U-Cele uthe ziliqela izinto abaziphandayo ezibangele kube kanti kubulawa aba bantu.

Uthe bengamapolisa basebenzisana necandelo lezobulungisa ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi kwesi siganeko balala bezamla ngaphaya kwezitshixo.

Uthe amaxhoba ebesela utywala ngethuba lesi sehlo, kwaye utywala ixesha elininzi buba ngunobangela wolwaphulo-mthetho kwakunye nokubulawa kwabantu.

Waleke ngelithi amaphondo eli onke anemithetho engafaniyo xana kuthethwa ngotywala.

Uhambise wathi bengamapolisa bazama ukuyilwa le nto ukwenzela ukuba imithetho elawula utywala ifane kuma phondo onke.

U-Cele ukwathe enye into ebangela ukuba kubulawe abantu yimipu engokho semthethweni egcwele eluntwini.

“Eminye yale mipu isuka kwalapha kuthi mapolisa kulawo azizikrelemqa nakulawo athi abulawe kuthathwe imipu yawo,” utshilo.

Waleke ngelithi iphondo laseNtshona Koloni lelona lifumana inkxaso ininzi kunawo onke amanye mayela namaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho.

Usihlalo wequmrhu lophuhliso lwase Khayelitsha, iKhayelitsha Development Forum ngolwasemzini, uNdithini Tyhido uthe abavumelani konke konke nokokuthe kwenzeka eSite B.

Uthe bayadinwa kusoloko bethetha into enye ngokubulawa kwabantu ngolu hlobo kule ngingqi.

Waleke ngelithi bayathemba ukuba ukufika kuka Cele kule ngingqi utshintsho luza kuba khona kwaye nabenzi bobubi baza kufumaneka.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.