Ama Rhabe aqalile ngomsebenzi

2019-01-31 06:21
Amalungu enkonzo iPresbytarian Church of Africa kwibandla lawo iSt William Bottoman. PHOTO: supplied

Amalungu enkonzo iPresbytarian Church of Africa kwibandla lawo iSt William Bottoman. PHOTO: supplied

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

IPresbytarian Church of Africa ibinenkonzo yokuvula imanyano kulecawa sisuka kuyo.

Lenkonzo ibibanjwe ngamasebe alecawa iSt William Bottoman Circuit ese Khayelitsha kwakunye ne E.M Totoyi circuit yase Kuyasa.

Le ndibano ibibanjelwe eSt William Bottoman ko E eKhayelitsha.

Umfundisi uNtobeko Gijana uthe banamasebe amane apha eKapa kodwa ibe ngamasebe amabini akwazileyo ukuphumelela kulo msitho.

“Sibanawo rhoqo ngonyaka lo mnyhadala emva kwecawa yomnqophiso, kwaye amalungu aye aphume ngobuninzi bawo,” uthilo uGijana.

Uthe umyalezo ebebenawo ubusithi abantu bakaThixo mabohlukane nohamba nabantu abangasoze baligqibe uhambo luka 2019.

“Mabahambe noThixo ukuze bawugqibe lonyaka noThixo,” utshilo.

Uhlabe ikhwelo eluntwini ukuba malukhonze uThixo hayi abantu.

“Icawa yethu yicawa yalapha eAfrika, ngoko ndikhuthaza wonke ubani onomdla asindwendwele qho ngecawa ingakumbi ulutsha,” utshilo uGijana.

Ilungu lolutsha lecawa uNana Sanela (25) uthe ukhule ekhonza kwenye icawa le uyingene kuba yayiyicawa yakulo mamawakhe.

Uthe ufunda lukhulu kule cawa kungoko engekacingi ukuyitshintsha.

“Njengomntu omtsha ndifunde lukhulu ecaweni ngobu Krestu kwakunye nebhaybhile noba kushunyayelwa njani,” utshilo uSanela.

Uthe icawa yabo iyafana nje naye namphi na umbutho odibanisa abantu abohlukeneyo kuba nayo inawo amahlandenyuka wayo.

Uthe kwa into yokuba abe usakhonza khona lonto ithetha ukuba luninzi aluzuzayo ecaweni.

uSanela uthe icawa ebebenayo kulempela veki sisuka kuyo ibimnandi kakhulu kuye, kuba bekucaca ukuba umoya kathixo ukhona kwesasakhiwo.

U-Sanela uqwele ngelithi: “Umoya ka Thixo ubukhona ecaweni kule veki iphelileyo kubo wonke umntu ebejongeka enwabile kwaye nomyalezo wosuku ndiwuve kakuhle.”

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.