Amanina

2018-10-18 06:04
Oomama abahlala ku-Wadi 18 eSite C bazokupha amaxhoba omlilo kwindawo yamatyotyombe yakoo AT emva kokugutyungelwa ngumlilo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Oomama abahlala ku-Wadi 18 eSite C bazokupha amaxhoba omlilo kwindawo yamatyotyombe yakoo AT emva kokugutyungelwa ngumlilo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Iqela loomama bakwa wadi 18 eSite C linikezele ngempahla nangengubo kumaxhoba omlilo kwindawo yamatyotyombe yakoo AT.

Le ngingqi, nethe tshitshilili ngakumzila wendlela iJeff Masemola ngase Tembani, itshatyalaliswe ngumlilo kwiiveki ezimbini ezindlulileyo.

Ali 15 amatyotyombe athe atsha angqungqa, logama ingama 25 abantu abashiyeke bengena makhaya.

Ukanti iinyembezi zamaxhoba aziwelanga phantsi, njengoko eli qela lamanina liye lavakalelwa.

Othethela eli qela uPhaphama Ngcinga uthe bahambe becela amalizo empahla ukuncedisana namaxhoba.

“Eyona nto ibuhlungu kakhulu kukuba phakathi kwabo kukho nabantwana besikolo ekufuneka belungiselele iimviwo zokuphela konyaka,” utshilo uNgcinga.

Wongeze ngelithi eyona ngxaki imandla kukunqongophala kwento esiwa phantsi kwempumlo.

“Abantu abaninzi abalapha abaphangeli, kwaye kunzima nokuhamba bayoxhwarha ezihlobeni bashiye impahla zabo zodwa. Sicela nabanye abantu kunye noosomashishini basekuhlaleni babancedise nangayo nayiphi na into abafikelela kuyo,” utshilo.

Othethela abahlali uZukiswa Veza ubulele kakhulu. Wongeza ngelithi le mpahla izakubanceda kakhulu ngoba bebengenazinto zokunxiba.

“Singabanye sashiyeka nezi sasiphume ngazo ezindlini ngoku kwakusitsha. Eneneni singavuya nabanye abantu ukuba bangasincedisa nangezinye izinto kuquka ukutya,” ucacise watsho uVeza.

U-Veza uzichaze njenge zimaxongo iimeko abahlala phantsi kwazo. “Asinambane kule ndawo ebusuku sibasa umlilo sihlale kuwo,” utshilo.

Uqukumbele ngelithi naxa befuna into esiwa phantsi kwempumlo baye badibanise imali. “Siye siqokelele iisenti ezingama 50 kumntu ngamnye sithenge nokuba sisonka ukwenzela silale sityile,” ugqibezele ngelitshoyo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.