Amapolisa asezithendeni zoonqevu ababulele unogada

2020-04-30 06:01
Umzimba wonogada wakwaFidelity ugqunywe ngelaphu elimhlophe emva kokuba edutyulwe waze woxuthelwa umpu wakhe kwigaraji yakwa Caltex eSite C.UMFANEKISO: unathi obose

Umzimba wonogada wakwaFidelity ugqunywe ngelaphu elimhlophe emva kokuba edutyulwe waze woxuthelwa umpu wakhe kwigaraji yakwa Caltex eSite C.UMFANEKISO: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Belubhalwe ebusweni kubahlali baseSite C usizi ngethuba bedibene kwindawo yexhwayela, ngakwigaraji yamafutha ezithuthi, kulandela ukudutyulwa kubulawe unogada wenkampani yakwaFedility.

Lo msebenzi (ominyaka ingama 46) kukrokreleka ukuba udutyulwe zizikrelemnqa ngethuba elinde ugxa wakhe, obehambisa imali, ngoLwesine umhla wama 23 kwiveki ephelileyo.

Omnye wabahlali abathe bafika kuqala kwindawo yexhwayela, nongakhange afune ukuzichaza igama lakhe ngenxa yokoyikisela ubomi bakhe, uthe uve ngesithonga sompu xa kanye egqiba kugqitha kule garaji esiya ngase Site C Plaza.

“Ndithe ndakuva isithonga ndabaleka ndancathama kwezi hoki zilapha ecaleni kwendlela. Ndiye ndaphuma xa ndibona abantu besiya egaraji beyokujonga ukuba kuqhubeke ntoni na. Ndithe xa ndijika ndisiyokukroba egaraji ndabona umntu edunduluzile elele ngomqolo,” utshilo.

Waleke ngelithi ubone nje ngesinxibo ukuba ngunogada khange asondele ngenxa yamasikizi.

Uye wabongoza abakwantsasana ukuba bonyuse iikawusi ukuzama ukhusela uluntu. “Abantu abasawuhloniphi umthetho amapolisa kufuneka abengathi akahleki nanye kwezihlekisayo abambe izaphulimthetho. Nawuphi na umntu owophule umthetho ufanelwe kubanjwa,” utshilo.

Isithethi sesikhululo samapolisa aseKhayelitsha uKhonst Lowellan West usingqinile esi siganeko wathi senzeke kanye emini emaqanda apho kufike amadoda angaziwayo amathandathu ekhwele ibhaki, afika ayimisa kufuphi ngakwi moto yakwaFidelity ngasezimpompeni zamafutha ngokungathi azogalela amafutha. “Omnye waba barhanelwa uye watsiba ngemva kwibhaki waya ngqo kumgadi apho afike wamtsibela. Lo mrhanelwa uye wadubula izithonga zazihlanu ebhekise kunogada aye wachanwa ziimbumbulu ezintathu. Uye waswelekela kanye kulo ndawo,” utshilo uWest.

Waleke ngelithi lo nqevu uye woxutha umpu kanogada waze wabaleka wayokukhwela kulo bhaki babaleka ngayo. Uthe ityala lokubulala nokukhuthuza livuliwe kwaye amapolisa asezithendeni zabarhanelwa.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.