Amashishini aphume izandla athiwe wandla

2018-11-15 06:02
Amalungu eABCD Concepts nethe yafumana iwonga nenkxaso mali.

Amalungu eABCD Concepts nethe yafumana iwonga nenkxaso mali.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Azingomba amacala amatyendyana amabini ase Khayelitsha aqhuba ishishini lezokhenketho, iABCD Concepts, emva kokuphumelela iwonga kunye nenkxaso yezimali kwingxowamali yebhodi yezotyelelo yase Kapa, iCape Town Tourism Board Development Fund, ngabula makhumsha.

Abasunguli beli shishini uBuntu Matole kunye noAyanda Cuba, bavakalise uchulumanco yinkxaso abathe bayifumana.

Ishishini labo lelesibini elizinze eKhayelitsha elithe lafumana inkxaso kule bhodi.

Elinye yi 4Roomed Ekasi Culture nethengisa ukutya.

Ephawula ngale nkxaso, uMatole uthe uyavuya kakhulu ngokuba beyinxalenye yale bhodi.

Le bhodi yamiselwa ngokusesikweni ngomnyaka ka 2014, ukuze incede amashishini asakhasayo ngemali nangezakhono ukuze akhule

U Matole uyichaze le bhodi njengeminye yemibutho emikhulu ejongene nezotyelelo kwiKapa.

Uthe ukuphumelela kwabo ngoku kuthetha ukuthi umsebenzi abawenzayo uyancomeka, kwaye bakhona nabantu abayijongileyo imigudu yabo.

“Ukusuka elokishini, sibe sibancinci nokuba bancinci, siyavuya ngokuphumelela, kuba besikhuphisana namashishini ekudala emile,” utshilo uMatole.

Uthe eli wonga liyabakhuthaza ukuba baqhubeke neshishini lokubonisa iindwendwe indawo zase Khayelitsha.

U Matole uthe mninzi umsebenzi ekusafuneka bewenzile ukuze baphinde baphumelele amanye amawonga.

Woleke ngelithi eli wonga lizakubanceda ekukhuliseni ishishini kuba bazokufundiswa indlela ezininzi zokwenza oko.

Kwingxelo enikezwe amaziko endaba usihlalo webhodi yezotyelelo eKapa uEnver Mally uthe iBDF yasekelwa ukuba ichukumise izakhono, kwaye ivulele amathuba oosomashishini abasakhasayo.

Ukanti yena umphathiswa wezokhenketho, uDerek Hanekom umemelele ukuba kukhuthazwe uhlumo notyelelo olusemgangathweni kwiindawo zabantsundu.

Ukwamnkele ngazo zozibini ukuzinikela kwebhodi yezokhenketho yaseKapa ekuphuhliseni amashishini akhasayo.

Siya vuyisana nala mashishini.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.