Asivoti zezi ngcongolo

2018-11-01 06:02
Umama Nobambo Sinyongo (onxibe ihempe emhlophe) owaswelekelwa ngunyana wakhe Luyanda, 9, kunye nomzukulwana wakhe Asanda ,10, kunye noBulelwa Rhode oyinkokheli eKanana bajonge apho kwakutshone khona abantwana.

Umama Nobambo Sinyongo (onxibe ihempe emhlophe) owaswelekelwa ngunyana wakhe Luyanda, 9, kunye nomzukulwana wakhe Asanda ,10, kunye noBulelwa Rhode oyinkokheli eKanana bajonge apho kwakutshone khona abantwana.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Balumkisa ngolukwaya ulonyulo lo nyaka ozayo ukuba akukho manyathelo athatyathwa ngu rhulumente ukuphucula indawo yabo abahlali baseKanana, eGugulethu.

Abahlali batyhola ngelithi ingxaki zabo aziphelelanga nje kwindawo abahlala kuyo, koko ziquka iingcongolo ezithe tshitshilili kufuphi nemizi yabo, ngakumzila wendlela uN2.

Bakhala ngelithi ezi ngcongolo ziyingxaki nengozi ebantwaneni, kwaye sele zisube imiphefumlo yabantwana abathathu.

Batyhole lowo ubesakuba nguceba uMzwakhe Nqavashe ngokungazigcini izithembiso zakhe zokugeca ezi ngcongolo, emva koku tshaba kwabantwana abathathu ngomnyaka ka 2014.

Ngokwenkcazelo yabahlali, esi sithathu sasidlala kufuphi nezingcongolo sigibisela iintaka. Kurhanelwa ukuba babulawa zintambo zombane ezihamba kufuphi nezi ngcongolo.

Umama welinye lalo maxhoba uNobambo Sinyongo, onama 54 eminyaka, uthe akasayi kuze akhohlwe sesi siganeko. Uthe intliziyo yakhe ibethela ukuma ngalo lonke ixesha ebona ezi ngcongolo.

U-Luyanda, ominyaka isithoba, kunye nomzukulwana wakhe uAsanda, one 10 leminyaka nomhlobo wabo ochazwe njengo Pakistan basutywa kukufa kwezi ngcongolo.

U-Sinyongo uthe emva kweso sehlo walala esibhedlele intsuku ezintathu ngenxa yomothuko.

Wongeze ngelithi eyonanto ayifunayo yindlu kwaye akakhathali noba angayifumana phi.

Inkokheli yokuhlala uBulelwa Rhode uthe badiniwe kukuhlala endaweni emdaka. Wongeze ngelithi nabo bafuna izindlu.

“Sineminyaka eleqa amashumi amabini sihlala kula matyotyombe singafumani zindlu. Balishumi kuphela abantu abakhe bahamba apha basiwa ezindlini eMfuleni, nabo babesuswa ecaleni kwezingcongolo kwiminyaka elishumi edlulileyo emva koko zange kuphinde kuhambe mntu,” utshilo Rhode.

Uthe bengabahlali badiniwe ngabantu bezopolitiko abaza kubo xa kuvotwa emva koko banyamalale. Ugrogrise ngelithi ukuba kude kwafika inyanga yoMnga zisekhona ezi ngcongolo abasayi kuvota kulo nyulo lonyaka ozayo.

“Siyanukiselwa thina bantu bahlala ecaleni kwazo. Sidiniwe ukwenziwa ileli ngabo, bafuna ukunyuka ngathi basakungena ezi-ofisini basilibale,” utshilo u Rhode.

Uthe bakhona abantu ekulindele ukuba basiwe eMfuleni kodwa akukacaci ukuba bazakuya nini.

Ephawula ngezityholo ezijoliswe kuye u-Nqavashe uthe azange bakwazi ukuzigeca ezi ngcongolo besi Sixeko saseKapa. Uthe baqaphela ukuba zizakuphinda zikhule ngenxa yobumanzi.

“Zinamanzi asuka kwisikhululo se nqwelomoya sehlabathi saseKapa. Lamanzi asoloko ekhona, kodwa ke iKanana kunye nezinye indawo zamatyotyombe zijongiwe kuphuhliso lo nyaka ozayo.”

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

SQL Reporter

Cape Town
Communicate Cape Town IT
R10 000.00 - R12 000.00 Per Month

Cluster Financial Manager

Cape Town
Network Finance
R950 000.00 - R1 000 000.00 Per Year

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.