Athi kwanele amadoda

2019-12-19 06:00
Abahlali bakwaLanga bangungelene kwaLanga Sports Complex emva komngcwelele.

Abahlali bakwaLanga bangungelene kwaLanga Sports Complex emva komngcwelele.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Libambe umngcelele kwizitalato zasekuhlaleni iqela lamadoda akwaLanga ukuzama ukulwa ukuxhatshwazwa kwabantu abangoomama nabantwana.

Lo mngcelele, nobuququzelelwe ngamalungu ombutho ajongene nolwaluko i-Embo Initiation Forum, uqhubeke ngoLwesibini umhla we 10 kwinyanga yoMnga.

Iqela labaqhankqalazi lisuke kwindawo yendibano kawonke-wonke iGuga Sthebe lenjenjeya ukuya kutshona kwiholo yezemidlalo yasekuhlaleni iLanga Sports Complex.

Liqela lemibutho yasekuhlaleni ethe yawuxhasa lo mngcelele, kuquka iLanga For Men, abefundisi kwakunye namapolisa. Ukunti

Usihlalo wombutho i-Embo uMadoda Mabuto uthe bathi kwanene kukuxhatshazwa kwabantwana kunye nabantu basetyhini. Uthe bacela abahlali bonke babambane ukuzama ukulwa lo mkhwa. Uthe eyona njongo yabo kukudibanisa onke amadoda bamanyane bathethe ngazwi linye. “Asikhethanga bani sijonge kuye wonke umntu oyindoda kuquka namakhwenkwe asemancinci afunda kumabanga aphantsi sizokuwafundisa ukuba umntu obhinqileyo uphathwa njani. Sifuna ukubaxelela (abantwana) ukuba ukungcolisa nokuxhaphaza amantombazana akulunganga mabakuyeke kwangoku,” utshilo uMabuto.

Uchaze lo mngcelele njengenxalenye yephulo le ntsuku ezi 16 ezichasene nokugxatshazwa koomana nabantwana. Uthe injongo yabo kukukwenza lo mngcelele rhoqo ngonyaka. “Okwangoku asiwahoyanga amanani kakhulu nanje ngokuba sisaliqala eli phulo. Kodwa into esiyifunayo kukuqhubeka sisenza olu hlobo minyaka le. Siyathemba ukuba abantu bazakuphuma ngobuninzi babo kulo nyaka uzayo,” ucacise watsho uMabuto.

Uqhube wathi rhoqo ngentsimbi yesithathu malanga yonke imihla bayahamba baye ehlathini bayokufundisa abakhwetha ngendlela yokuziphatha xa sele bengamadoda.

Umhlali Mawonga Labase uthe egameni lamadoda ewonke akwaLanga bathi kwanele zizenzo ezigwenxa.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Most Read
News In Your Area
Top Lifestyle
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.