Avuse umnyele amatyotyombe

2019-07-04 06:01

Bantumeke isithuthi sikamasipala ngomlilo abaqhankqalazi abaphuma kwindawo yamatyotyombe iLotus, eGugulethu, ngeligunyazisa ukuba kunqunyanyiswe ukuchithwa kwamatyotyombe wabo.

Esi siganeko senzeke ngorhatya lwemivundla ngoLwesibini.

Iqela labahlali, ebelulugcwabevu ngumsindo, kutyholwa ngelithi litshise isithuthi sika masipala, lwaze lawisa ucingo olurhangqe izakhiwo zika masipala iFezeka, phambi kokuba bathathe ngenkani iifestile zegumbi loonogada.

Inkokheli yaba bahlali uThembinkosi Bala uthe isizathu sokuba baqhankqalaze kungenxa yokuba abezomthetho kwiSixeko saseKapa baye bafika kule veki iphelileyo bachitha amatyotyombe abantu.

U-Bala utyhole ngelithi abonelanga nje kukuchitha amatyotyombe abantu, baphinde babuya ngempela veki baphinda bachitha amanye.

“Abantu khange banikwe sizathu sokuba kutheni bechithelwa izindlu, kuvele kwachithwa kwamkiwa namatyotyombe abo,” utshilo uBala.

Uthe sele beneminyaka eli 16 behlala kule ndawo kwaye, bawufumana ngokusesikweni lo mhlaba.

“Side sinazo neenkonzo kule ndawo sihlala kuyo yilento sothukile xa kuchithwa izindlu zabantu,” utshilo uBala.

Uthe nangona abahlali benomsindo kodwa bezinkokheli abahambisani nendlela abethe benza ngayo ngokumosha izinto zikamaspala.

Waleke ngelithi abantu ngoku bayangcucalaza kuba abanandawo yokulala bambi bacela kwintsapho zabo abanye komakhelwane.

Uceba wale ngingqi uSonwabo Ngxumza uthe emveni kokuba abezomthetho beSixeko saseKapa bethe bachitha amatyotyombe, baye bathembisa ngokuba kuza kubakho intlanganiso yezindlu.

Uthe ithe yakungabikho lo ntlanganiso abahlali bacaphuka nalapho bathe bakhuphela umsindo kwii ofisi zikamasipala.

Uthe abantu bebemele ukuxelelwa kwangethuba xa bezaku chithelwa amatyotyombe abo.

U-Ngxumza uthe bakhona nabo bagxumeke amatyotyombe kwindawo ezinobungozi ekungamelanga kuhlala abantu kuzo.

“Asikwazi ukunqanda xa isixeko sichitha amatyotyombe akwindawo angafanelanga ukuba kuzo, kodwa bekumele bagqithe ebahlalini kuba abanye abantu sekukudala behlala kule ndawo,” utshilo.

Waleke ngelithi akakhuthazi into yokuba abantu xa benomsindo bamoshe izinto neendawo ezibaphathela iinkonzo kuba baye bachaneke kwabona.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.