Axhobisana ngeendlela ezingcono zokuphila amadoda

2019-04-18 06:00

Bahlanganise iintloko ootata nabafana baseGugulethu ngempelaveki edlulileyo ukuzama ukufumana izisombululo kwingxubakaxaka yokuxhatshwaza kwabantu ababhinqileyo nabantwana kuquka ukusetyenziswa kwezi yobisi kule ngingqi.

Le ndibano ibiququzelelwe ngumbutho ojongene nophuhliso loluntu i Gugulethu Progressive Development Forum (GPDF).

Usihlalo walo mbutho uLee Khabele uthe babize lentlanganiso kuba beqwalasele ukuba abantu abangotata abazazi indima ekumele bayidlale ekuhlaleni.

Lombutho uthe yintlanganiso yokuqala lena elandelayo izakuba ngeyomama nentombi zase Gugulethu ze elandela leyo idibanise bonke abantu nalapho bezakudiza izinto ezibaphatha kakubi ezindlini zabo.

U-Khabele uthe otata abaninzi abayazi ukuba umntu ongumama uphathwa njani. Wongeze ngelithi baye bacinge ukuba ukuphakamisa isandla sisisombululo.

Uthe injongo zale ntlanganiso kukufundisa abantu abangotata ngeziyobisi, utywala kwakunye nendlela yokuphatha abantu ababhinqileyo.

Uthe wanelisekile linani lootata ebebekhona kule ntlanganiso kwaye bebebuza imibuzo eyinyani kuba bebefuna ukufunda.

Umfana omtsha ebekulo ntlanganiso uSiviwe Cingo (21) uthe ufunde lukhulu.

“Ndiyavuya ngokuba yinxalenye yale ntlanganiso kuba ndithe ndafunda lukhulu ngeziyobisi notywala kuba thina siye sizibaxe izinto xa sizenza,” utshilo uCingo.

U-Cingo uthe uphinde wafunda ukuba ayingobantu abangomama kuphela abaye baxhatshazwe notata baye baxhatshazwe ngomama emizini yabo.

U-Thulani Mqumbisa (38) uthe le ntlanganiso ibibaluleke kakhulu kuba uninzi lwabantu abangotata baye bangazazi xa besenza izinto ezingalunganga.

“Ibibalulekile le ntanganiso kuba thina siye siqhathane xa sihleli sisodwa sithi ukuba awumbethi umntu obhinqileyo umathile, nangona iyinto engalunganga leyo,” utshilo uMqumbisa.

Uthe ukusebenzisa iziyobisi notywala kuye kwenze abantu abangotata ukuba benze izinto ezingalunganga kubalingani babo kuba abanye baye bakamise nesandla.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.