Azibonakalisile amantombazana eSilver Girls

2019-07-25 06:00
ISilver Girls zase Town 2 beziqubisene neAll Stars zase Harare.IMIFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

ISilver Girls zase Town 2 beziqubisene neAll Stars zase Harare.IMIFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Zintingele phezulu intombi zeSilver Girls yase Town 2 ngethuba zibhaxabula iAll Stars yase Harare kumdlalo wabo womnyazi ngoMgqibelo kumabala ezemidlalo aseKhayelitsha.

La maqela adlala phantsi kombutho iKhayelitsha Netball Union.

I-Silver Girls iphumelele lo mdlalo ngamanqaku angama 22 kwi 12 le All Stars.

Umqeqeshi we Girls uPhatheka Mrwebi uthe umdlalo ubumhle kakhulu nangona bebengaphelelanga ebaleni.

Uthe nangona bewinile umdlalo wabo ungaphucuka ukuba bangazilolonga kakuhle. “Into esibethayo yinto yokuba kuba nzima ukuzilolonga ebusika kuba kukhawleza kubande okanye kunethe,” utshilo.

Umqeqeshi weStars u-Amvuyela Puwani uthe umdlalo ubunzima kakhulu kwelabo icala kuba kwisigaba sokuqala bebesemva kakhulu.

Uthe baye balungisa impazamo zabo kwisigaba sesibini nalapho bathe bazibona bedlala ngcono. Waleke ngelithi unethemba lokuba bazakuwuphumelela umdlalo wabo olandelayo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.