Bacoca indawo yabo abahlali

2019-07-18 06:01
Abahlali bamaxhapheshu bacoca inkunkuma.

Abahlali bamaxhapheshu bacoca inkunkuma.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Logama amawaka-waka abantu belizwe loMzantsi Afrika uphela belidumisa uThixo kumabandla ohlukeneyo, iqela labahlali base Gugulethu liwubhinqe wamfutshane langena indawo yalo ukucoca imfucu-mfucu ezele izitalato.

Eli qela, nebelikhatshwa ngabesakuba ngabadlali beqela lebhola iYoung Romans FC, liphume iphulo lacoca inkunkuma kwiindawo ezahlukeneyo phantsi kuka wadi 38.

Ezinye zeendawo ezithe zaxhamla kweli phulo ziquka ikona yesitalato iNY89 ne NY 91 kunye nerhange edibanisa iNY 57 ne NY 89.

Othethela abahlali Phindile Nywagi uthe injongo zabo kukukhuthaza ucoceko nokugcina indalo ikhuselekile ngalo lonke ixesha.

Uthe bengabahlali baqaphele into yokuba abantu abanizi abakhathali kwaye nenkunkuma iye ikhula yonke imihla.

“Ininzi nje into elahlwayo apha, kuquka impahla, inkunkuma kunye nobugoxo, eyenza ungcoliseko. Abantwana bethu abakhuselekanga yile nkunkuma,” utshilo Nywagi.

Utyhole ngelithi inkoliso yabantu abalahla inkunkuma kula ndawo ngabantu abahlala kwiingingqi abamelene nazo.

“Abantu xa belungisa izindlu zabo bathatha bonke obo bugoxo babulahle apha. Abanye abantu bathi xa imigqomo yabo yenkunkuma ingathathwanga yiloli kamasipala bazokuyilahla apha ngobusuku,” ukhale ngelitshoyo.

Wongeze ngelithi umhlali ngamnye kufuneka adlale indima yakhe ukugcina le ndawo icocekile.

Ugxeke oonqevu ngokuba ibhodi echasene nokulahlwa kwenkunkuma kule ndawo neyayifakwe ngu masipala. “Ngoku siceba ukubamba iphulo sithethe nabanye abahlali sibafundise ngokugcina indalo icocekile,” utshilo uNywagi.

Othethela abasakuba ngabadlali uSivuyile Qhinga uthe bakhula bedlala kwela bala. “Sasidla ngokuzilolongela kweli bala sisadlala ibhola. Ngelo xesha ayecocekile ekhuselekile kungekho mntu ulahla nje nantoni na,” uthethe watsho uQhinga.

Uchaze eli phulo njengelimanyanisa abahlali. “Njengokuba besicoca kwezi ndawo singabantu abasuka kwiingingqi ezahlukeneyo abanye basuka e-NY 57, 89, nase 91. Lo nto isenze samanyana nangakumbi,” utshilo uQhinga

Ugqibezele ngelithi akukho noosomashishini abanokuza bazokusinceda bazophuhlisa xa kunje

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.