Badikwe yeyokosa abahlali koQQ

2019-05-02 06:01
Abahlali bengingqi oQQ baqale uqhankqalaza phambi kwepasika ngelithi bafuna iinkonzo eziquka amagumbi angasese namanzi. Funda ibali elipheleleyo kwiphepha lesithathu. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Abahlali bengingqi oQQ baqale uqhankqalaza phambi kwepasika ngelithi bafuna iinkonzo eziquka amagumbi angasese namanzi. Funda ibali elipheleleyo kwiphepha lesithathu. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ukunqongophala kwamagumbi angasese, iimpompo zamanzi kunye nombane, le yeminye yemiceli mngeni ejamelene nabahlali bendawo yamatyotyombe oQQ, eSite B. Kungokunje bathi kwanele.

Kwiphulo lokuvakalisa ukungaxoli kwabo aba bahlali bathe bavala izitalato kulamandla bememelela kuceba wabo ukuba angenelele. Batshise inkunkuma emgaqweni kuquka nomgqomo ogcina inkunkuma.

Aba bahlali batyhola ngelithi emva kokukhala kuceba wabo uMonde Nqulwana ukuba abaphathele iziphatha mandla zesixeko saseKapa akukenzeki oko.

Batyhola ngelithi iimeko abaphila phantsi kwazo zimbi kakhulu emva kweminyaka engamashumi amathathu behlala kule ngingqi. Bathi izindlu zangasese abazisebenzisayo zimbalwa, lonto ibangela ukuba zingakwazi ukumelana nomthamo wabahlali. Umhlali uSikho Lerumo uthe balwela iinkonzo kuba bedikwe yimeko abahlala phantsi kwayo.

“Sidikiwe yindlela esihlala ngayo apha, kwaye kudala sithenjiswa kodwa akhonto yenzekayo,” utshilo uLerumo. Wongeze ngelithi babekwathenjiswe ngokususwa kule ndawo kodwa akukenzeki oko.

U-Lerumo uthe abanye babo baye banyanzeleke ukuba baye kuzinceda ngakuhola wendlela uN2, ntoleyo ayichaze njenge nobungozi. Ngenxa yoku uthe abanye abahlali baye babhenele ekuhlawuleni imali kwimizi ekufutshane ukuze bazincede.

Uthe kwaye uninzi lolutsha kulendawo aluphangeli.

Omnye omnye umceli mngeni kukuba uninzi lolutsha aluphangeli kwaye akukho nanye into abancedisa ngayo ukuphucula impilo zabo.

“Sizakuqinisekisa ukuba akuvotwa apha ekuhlaleni kuba sidikiwe kukonyula abantu abangasenzeli nto,” utshilo omnye wabahlali uMbongeni Mkalipi.

Uthe kwiSixeko saseKapa iyaziwa imeko abaphila phantsi kwayo kuba kudala bekhala. “Asizuyeka ukuqhankqalaza side sibe sifumana impendulo kwaye asifuni mpendulo emva kolonyulo,” utshilo uMkalipi.

U-Phindile Maxiti, weSixeko saseKapa, uthe le ndawo imi kuyo le ndawo ngumhlaba ka Eskom kwaye inepali ezinobungozi.

U-Malusi Booi, ojongene nohlaliso loluntu kwikomiti yesigqeba ka sodolophu, uthe bayayazi ukuba le ngingqi kumele nayo yokhelwe izindlu nanjenge zinye ingingqi.

U-Booi uthe batyumbe iqela labantu lihlole ukuba kungenziwa njani ukuze kwakhiwe kule ndawo. Woleke ngelithi iSixeko sele sisuka kuyihlola le ndawo ukuzama ukufumana isisombululo. Kodwa ngenxa yendawo emi kuyo le ngingqi kunzima ukuba bafakela ezinye inkonzo. Uthembise ngelithi bazakwenza ngako konke abanako ukuhlangabezana nabahlali.

Usomlomo wamapolisa aseKhayelitsha Lowellan West uthe amapolisa aphanda matyala amabini okubethwa kwezithuthi nafakwe ngabaqhubi. Uthe bekungekabanjwa mntu kodwa amapolisa alubeke esweni oluqhankqalazo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.