Bafumana uqeqesho lwamanqindi

2019-10-31 06:00

Iqela lomdlalo wezamanqindi lase Khayelitsha beliququzelele umsitho walo mdlalo ngoMgqibelo weveki edlulileyo kule ngingqi, nalapho imbethi manqithi zithe zabonisa izakho zazo.

Ilungu lo mbutho i Khayelitsha Boxing Academy uLunga Nkentsha uthe baququzelele le midlalo ukuzama ukufundisa abantwana abangabafana ngokulwa ukuhlukunyezwa kwabantu ababhinqileyo.

Lo msitho uqale ngokuthi kufundiswe amantombazana indlela yokuzikhusela xa ahlaselwa, ze emva koko banokhuphiswano lwezamangqindi.

U-Nkentsha uwuchaze lo msitho njengobe yimpumelelo enkulu. Uhambise wathi uninzi lwabantu lushiyeke lusithi lufuna kuphinde kuququzelelwa omnye umsitho okumila kunje.

“Abantu bathe kuthi ingase simane siyiququzela le misitho kuba isusa ulutsha ezindleleni nakwizinto ezingalunganga ezenziwayo,” utshilo uNkentsha.

Uhambise wathi beleli qela baye batyelele amakhaya agcina abantwana abangenabazali amaxesha amaninzi, nalapho baye babaphe impahla okanye babonwabise kojiwe nenyama. Uvakalise uchulumanco ngulo msitho.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.