Bebexhelelw’ exhukwana oosomashishini abasakhasayo baseGugulethu ngexesha befumana izixhobo zokusebenza kumalungu eqoqo lezophuhliso eGugulethu, iGugulethu Development Forum (GDF ngamafutshane) kwiveki ephelileyo.
Lo msitho, untsuku-mbini, ububanjwe ngokubambisana yi GDF kunye nesebe elijongene nophuhliso lwamashishini amancinci kuzwelonke.
Ngama 42 oosomashishini abasuka kumacandelo ohlukeneyo, kuquka abathengisa inyama, ababolekisa ngeentente kunye nezitulo, oonovenkile, abakhi bezindlu, abapheki, abangcwabi, abafoti kunye naba mashishini e-internet, abathe baxhamla.
Lo msitho uqale ngoLwesine e-Ikhwezi Centre.
Omnye woosomashishini abathe baxhamla uNoluthando Mpandle, nobolekisa ngeentente, izitovu kunye nezitulo, uwuchaze lo msitho nje ngobakhuthazayo nonika ithemba. Ukanti uthe wafumana izitulo ezingama 50 kunye nezitovu ezithathu.
Uthe uninzi lwabo abakwazi kuzithenga izixhobo abazisebenzisayo ngexesha elinye.
“Eneneni zonke ezi zinto sizifumene apha zizakuwenza umahluko kwaye zizakutsho ziphucule nendlela esisebenza ngayo,” utshilo. “Ndizakuyeka ngoku ukuboleka izitulo xa ngaba ndisenza umsebenzi ngoba ezinye izinto bekunyanzeleka ukuba ndihambe ndiyoziboleka ngoba bendingafikeleli kuzo.”
Ukwabongoze oosomashishini ukuba basebenzisane ukuze baphumelele. “Xa ungusomashishini kubalulekile ukuba ubuze komnye xa ngaba into ungayazi ukwenzela ufumane ulwazi oluphangaleleyo,” uvale ngelitshoyo.
Unobhala weGDF uVicent Domingo uthe usomashishini ngamnye ufumane izixhobo zokusebenza ezixabisa ama R10 000. Uthe injongo yabo kukuphuhlisa kwanokuqaqambisa bonke oosomashishini abakhasayo kula mmandla.
“Asiphelelanga kwaba sinabo namhlanje. Sinoluhlu lwabo bonke oosomashishini nesisajonge ukuncedisana nabo ukuzama ukubaphuhlisa,” uthethe watsho uDomingo.
Waleke ngelithi banesivumelwano seenyanga ezili 12 nabo bonke abathe baxhamla kweli phulo, ukuqinisekisa ukuba akukho nyawo lwamfene.
U-Tumelo Kgoale, oligosa elijongene nophuhliso lwamashishini kwisebe, uthe basebenzisana kakhulu kunye ne GDF.
Uchaze olu nikezelo ngezixhobo nje ngento abayenza kwilizwe jikelele.
“Asiqali ngoku ukusebenzisana noosomashishini baseGugulethu. Besikhe sahlangana noosomashishini balapha sabenzisa uqeqesho ukuzama ukubaxhobisa ngolwazi nokuba bangawakhulisa njani amashishini wabo,” utshilo uKgoela.