Bafumene izindlu zabo

2019-12-05 06:00
iIiloli zikamasipala zilayishe iimpahla zabantu abasuka kumatyotymbe ooBM eSite B zikhokhelwe ngamapolisa esixeko saseKapa.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

iIiloli zikamasipala zilayishe iimpahla zabantu abasuka kumatyotymbe ooBM eSite B zikhokhelwe ngamapolisa esixeko saseKapa.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Zide zagoba uphondo iinkokheli nabahlali baseMfuleni emva kokuzama ukuthintela iqela labahlali abasuka kwindawo yamatyotyombe ooBM, eSite B, ukuba bangene kwizindlu ezintsha zethutyana ngaseBosasa.

Lo qulukubhode uqale ngethuba iqela labantu abasuka koo BM ligaleleka kwezi zindlu ngentsasa yangoLwesihlanu umhla wama 29 kweye Nkanga. Bafike iqela labahlali baseMfuleni libalinde okwezangxa zilindele ukuhlasela utshaba ngelithi abasayi kungena kwezi zindlu ngaphandle kwemvume yabo.

Baye bavala iingcango ngelithintela iqela elivela kooBM ukuba lothule lifake impahla yalo kwezi zindlu.

Ukanti kuye kwanyanzeleka ukuba kungenelele amapolisa kamasipala ukuzama ukugcina ucwangco.

Phakathi kokunye iinkokheli zaseMfuleni bezikhalazela zikwatyhola iSixeko saseKapa ngokungazazisi ukuba kukho abantu abatsha abazakuhlala kweza zindlu ngelixa nabo belindele ukufumana izindlu.

U-Nkokheli Ncambela, nongomnye weenkokheli zokuhlala, uthe baye bafikelela esivumelanweni kunye nabaphathi beSixeko saseKapa ukuba babayeke aba bantu bangene bahlale.

“SiSixeko saseKapa esi sisiphixanisayo ngoba khange sisazise thina zinkokheli zaseMfuleni ukuba kuza kubakhona abantu abalindeleke ukuba bazokuhlala apha. Ngoku xa ngaba abahlali bebona kukho iiloli ezithwele iimpahla ezingenayo bayothuka nabo bafuna ukungena ngenkani,” utshilo uNcambela.

Woleke ngelithi baye banentlanganiso ekhawulezileyo nalapho baye bavumelana ukuba kuza kubakhona inani elithile labantu abasuka kwakwinginqi ezithile ezikwaphaya eMfuleni abazongena kwezinye zezindlu.

“Ngokwalomzuzu ngabantu abali 180 abasuka kwingingqi zaseMfuleni. Ze ibe ngabantu abali 150 abasuka kooBM eSite B,” uthethe watsho. Wongeza ngelithi ngenxa yokuba bengakhange bavume bonke ukuza abantu ebesele kuqinisekisiwe ukuba bazakuza eBosasa amalungu eSixeko saseKapa aye athatha kwezinye iingingqi kuquka koo S nako TR ukuzama ukugcwalisa inanani labantu abasuka kooBM.

Ukanti onguceba kuwadi 89 eSite B, noquka ooBM, uMonde Nqulwana uthe ingxaki ibiphakathi kwabaphathi beSixeko saseKapa kunye nabantu baseMfuleni bona bebengachaphazeleki.

“Bekufanele ukuba kudala abantu bathutha koko babebanjezelwe siSixeko. Bonke aba bantu bathuthayo ngabantu ababetshelwa ziihoki zabo ngomnyaka ka 2012 kweyoMnga,” ucacise watsho uNqulwana, wagxininisa ukuba bonke abantu ebabebhalisele ukuya eBosasa bayahamba.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.