Bafuna ibala lokudlala

2019-11-28 06:01
Ezinye zeehoki ezishiyekileyo ezazakhiwe kwibala lokudlala abantwana ePhase 1.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Ezinye zeehoki ezishiyekileyo ezazakhiwe kwibala lokudlala abantwana ePhase 1.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Babetha ngenqindi phantsi abahlali bendawo yaseLusaka, eNyanga, ngelithi akusayi kuphinde kwakhiwe amanye amatyotyombe kwindawo yokudlala abantwana ekwindawo i-Phase1.

Bakhala ngelithi bafuna kuvuselelwa indawo yokudlala abantwana nekwisimo esingabukekiyo, ze kuthi ukuba ngaba kuye kwakhona indawo eshiyekileyo kwakhiwe ithala lencwadi.

Umhlali uNkululeko Foloti uthe ibala lokudlala abantwana lathatyathwa ngabahlali bamatyotyombe kwisithuba seminyaka engaphuzulu kweshumi edlulileyo.

“La matyotyombe ayesuka kwingingqi ezahlukeneyo kwalapha eNyanga emva kokuba amanye awo ayesemanzini ngexesha kwakunetha,” uthethe watsho uFoloti. Uhambise wathi sele kusele iqaqobana leehoki uninzi lwazo luthuthelwe eForest Village.

Uthe inkxalabo yabo isekubeni kuza kuphinda kwakhiwe amanye amatyotyombe kulo mhlaba, kanti bona bafuna into eza kunceda abantwa noluntu ngokubanzi.

“Sifumane ingxelo kwenye yeenkokheli zethu ezithi ukuphela kwala matyotyombe aphaya kuza kufakwa abanxusi baseLusaka. Yiyo lento isenza siphakame sime ngenyawo ngoba isigqibo esasinaso kunye noceba sesokuba akuzuphinda kwakhiwe amanye amatyotyombe kula ndawo,” ucacise watsho.

Wongeza ngelithi esona sizathu zokuba bangafuni matyotyombe phaya lizinga eliphezulu lobundlobongela.

Uceba wengingqi uKhaya Yozi uchaze ingxelo zokuba kuzokwakhiwa amanye amatyotyombe nje ngamampunge.

“Akukho nto injalo apha, abanxusi base Lusaka bazakwakhelwa eBarcelona nase Europe. Phaya kula ndawo inezahoki kuzokuthi emva kokuba zithuthwe zonke zaphela zaya eForest Village ibiyelwe ukulungiselelwa ulwakhiwo lwezindlu kulo nyaka uzayo,” utshilo uYozi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 

Matric Results are coming soon!

Notify me when results become available

/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.