Bafuna iimpendulo ngokusweleka kuka tata wabo

2020-01-30 06:01
Usapho lakwa Gawulani luzilile emva kokusweleka kuka Mziwethu. Ukusuka ekhohlo: Buyiswa Maseti (purple tshirt), Tommy Maseti, Aphiwe Gawulani (uphethe unyana wakhe uEzethu), Nomfundo Maseti kunye nenkosikazi kamfi uNoluzuko Gawulani.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Usapho lakwa Gawulani luzilile emva kokusweleka kuka Mziwethu. Ukusuka ekhohlo: Buyiswa Maseti (purple tshirt), Tommy Maseti, Aphiwe Gawulani (uphethe unyana wakhe uEzethu), Nomfundo Maseti kunye nenkosikazi kamfi uNoluzuko Gawulani.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Lufuna iimpendulo usapho lakwa Gawulani eBardale, eMfuleni, emva kokuba utata wabo ethe waphulukana nobomi bakhe kwisibhedlela saseKhayelitsha.

Olu sapho luthi awuqini kwaphela umnqwazi yindlela atshabe ngayo uMziwethu Gawulani. Kubikwa ukuba lo tata ominyaka ingama 53 usweleke ngoLwesine umhla wama 23 kweyoMqungu emva kokuhlaselwa sisifo seswekile.

Othethele usapho nokwayintombi kamfi uAphiwe uthe belu sapho abaxolanga ngendlela utata wabo ebephetheke ngayo kwisibhedlele saseKhayelitsha ngexesha wayefumana unyango. Uuchaze utata wakhe nanje ngomntu ebephethwe sisifo seswekile ixesha elide ukususela ekuqaleni konyaka ka 2015. Ngenxa yesi sifo wathi wanqunyulwa imilenze yomibini.

“Utata wangeniswa esibhedlele ngomhla wesithathu kweyMqungu kuba wayenesilonda kulo mlenze wasekunene,” utshilo.

Uhambise wathi kwisithuba seentsuku ezimbalwa engenile baxelelwa ngomnye wabongikazi ukuba unesifo sephepha (iTB).

“Sithe sisothuswe yileyo sathi ngenye imini siyombona safika enqunyulwe wonke umlenze lo ubushiyekile,” utshilo ekwatyhola ngelithi usapho azange lwaziswe phambi kokuba unqunyulwe.

Uthe eyona nto ibuhlungu kukuba akazange athungwe emva kolu tyando. “Wayevalwe ngento engathi yiplasta kwaye ayebonakala amathumbu ngaphakathi. Wayengahlanjwa ndandisithi qho xa ndiyokumbona ndimphiphe ngokwam ndihambe ndiyokucela izinto ezicocekileyo zokondlula ibhedi ngoba yayibamdaka,” uthethe watsho. Ecacisa ngemeko utata wakhe owayehleli phantsi kwayo esibhedlele uAphiwe uthe,

“Nanje ngomntu utata owayechazwe nje ngonesifo seTB qho ndisiyokumbona ndandifika igumbi lakhe limdaka kungavulwanga neefestile. Wayengatyiswa ngoba sasifika ukutya kwakhe kubekwe esitulweni ezantsi kwebhedi kodwa bayamazi ukuba akakwazi ukushukuma. Wayehleli nje engafakwanga ne-drip kodwa wayephelelwa ngamandla ngoba wayengatyi”. Waleke ngelithi utata wakhe wayengenokwazi ukutyikitya imvume yokuba anquntyulwe umlenze ngoba wayengenamandla engakwazi nokuzityela.

Uthe ukuqala kwabo belusapho ukumbona emva kokuba enqunyulwe umlenze bathi xa bebuza oomongikazi belusapho ukuba ngubani uqhirha obemnqumla umlenze baphendula ngelithi oomongikazi nabo abamazi.

U-Aphiwe nobekhangeleka exhelekile emphefumlweni ngokusweleka kukatata wakhe uthe oko baquqa esibhedlele abazange balibona ixwebhu elinenkcukacha zakhe (folder) kwaye abaqinisekanga nokuba wayeneTB na nanje ngokuba omongikazi babesitsho. Uye wachaza isibhedlele saseKhayelitsha nanje ngesingenankathalo kwizigulane.

“Isibhedlele saseKhayelitsha simbulele utata. Kwaye asoze sixole yindlela asweleke ngayo. Siyacela nokuba ngamagqwetha anokuthi asincedise ukuzama ukuphanda indlela utata asweleke ngayo. Asinamali kwaye asinokwazi nokuwabhatala,” ubongoze ngelitshoyo uAphiwe. U-Mziwethu noshiya unkosikazi wakhe kunye nabantwana ababini nabazukulwana ababini uzokungcwatywa ngoMgqibelo umhla wesibhozo 8 kweyoMdumba, eCarthcat, eMpuma Koloni.

Othethela isibhedlela sase Khayelitsha uSithembiso Magubane uthe uGawulani wangeniswa esibhedlele ekwimeko embi kakhulu.

Uthe ngexesha uGawulani wayehleli esibhedlele waye wabanika imvume yokuba bawunqumle umlenze wakhe ukuzama ukukhawulelana nempilo yakho.

“Isilonda sakhe sasicocwa kakuhle ngendlela efanelekileyo ukuzama ukusinceda sikhawuleze siphile,”utshilo uMagubane woleka ngelithi ukuba amalungu osapho anemibuza anayo bangandwendwela abaphathi besibhedlela iKhayelitsha.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.