Bagqejwe elingatsitywa ntwala

2019-06-13 06:00
Usapho lakwa lakwa Nqundwana luzise ukutya kusapho lakwa Sonqwaku emva kokuba bekhuthuzwe imali yendodla yintombi engaziwayo. Ukusuka ekhohlo: Nandipha Mthekeli, Zandiswa Mthekeli-Nqundwana, Bhulukazi Sonqwaku, Nomasibulele Ntsipho(ongumzukulwana wakwa Sonqwaku) kunye no Sikomomo Sonqwaku. UMFANEKISO: unathi obose

Usapho lakwa lakwa Nqundwana luzise ukutya kusapho lakwa Sonqwaku emva kokuba bekhuthuzwe imali yendodla yintombi engaziwayo. Ukusuka ekhohlo: Nandipha Mthekeli, Zandiswa Mthekeli-Nqundwana, Bhulukazi Sonqwaku, Nomasibulele Ntsipho(ongumzukulwana wakwa Sonqwaku) kunye no Sikomomo Sonqwaku. UMFANEKISO: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Belingawuvali umlomo yimincili usapho lakwa Sonqwaku eUnathi, Crossroads, ngexesha lusamnkela ukutya belukuphiwa lusapho lakwa Nqundwana elisuka eAcacia eLower Crossroad ngoLwesine weveki edlulileyo.

Oku kuza emva kokuba olu sapho luthe lwagqejwa iduma elingophiyo ngumntu ongaziwayo. Kubikwa ukuba uSikomomo Sonqwaku kunye nenkosikazi yakhe uBhulukazi bahlangene neembila zithutha ngethuba kufika umntu othile ezenza unontlalontle osuka kwa SASSA.

Kutyholwa ngelithi lo mntu uthathe inkcukacha zamakhadi abo akwa SASSA waze wakhupha imali yabo ngondlela mnyama.

Ukanti utata uSonqwaku usichaze esi siganeko njengesiphantse sababulala.

Uhambise wathi esi siganeko senzeka ngomhla wama 30 kuCanzibe ngethuba ehleli nenkosikazi yakhe. Yabaxelela ukuba isuka eZolani Centre eNyanga.

“Yathi ihamba ibhalisa abantu abadala bazakufumana iziphiwo (vouchers) ezixabisa ama R350,” utshilo. Woleke ngelithi wacela amakhadi abo akwaSASSA kunye namani awo okukhupha imali.

Uthe yabathembisa ukuba esi siphiwo sizakubhatalwa ngomhla wokuqala kwinyanga yeSilimela xa beyokurhola indodla.

U-Sonqwaku (75) uthe bavuka baya kwivenkile yakwa Shoprite ePhilippi ngosuku olulandelayo. Kulapho baqaphela khona ukuba kukho undonakele.

“Siyile kwakhona nonkosikazi ngoMgqibelo siyoyijonga, yaze yathi intombazana eyayisinceda sele ikhutshiwe kodwa zange isixelele ukuba ikhutshwe phi na,” utshilo Sonqwaku.

Uthe babuya bephaca nenkosikazi bengazazi ukuba bazakuthini.

U-Zandiswa Mthekile-Nqundwana uthe wadibana nosapho lakwaSonqwaku komnye umzi wabangcwabi kwa phaya ePhilippi Centre besondlala ingxaki ethe yabehlela bekwabongoza abaphathi balo mzi ukuba babaxolele ngoba abazukwazi ubhatala umbutho kamasingcwabane kwinyanga yeSilimela.

Uthe wabacebisa ngelithi mabaye emapoliseni baye kuvula ityala, ze emva koko baye kwi ofisi zakwa SASSA bayobaxelelela esi sihelegu. “Yanditya le nto kangangokuba ndafika ndabalisela umyeni wam nentombi yam,” utshilo uNqundwana.

Wongeza ngelithi intombi yakhe yacebisa ukuba baqokelele imali babathengele ukutya.

“Intombi yama yaye yahamba icela amalizo kotshomi bakhe nakwizalamane ukuze sikwazi ukubathengela ukutya. Nguye wonke lo uthenge oku kutya,” ucacise watsho Nqundwana.

Uhambise wathi wayesoloko eqhakamshelana nabo ngomnxeba ukuzama ukuqonda ukuba basaphila na.

Umama uSonqwaku ubulele ngokungazenzisiyo watsho esithi ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

Uthe le ntombazana azange yonele nje kukuthatha amakhadi abo endodla yathembisa ngokufunela intombi yabo umsebenzi. “Washiya ethe entombini yam ize iye eZolani Centre ifike ifune yena. Wasithembisa ukuba uzakusiphathela izitulo zokuchopha xa ephinda ebuya,” utshilo Bhulukazi. Uthe baya emapoliseni eNyanga kodwa ipolisakazi elalibanceda zange livume ukuvula ityala lathi mabaye kwi-ofisi zakwaSASSA bayokwenza amanye amakhadi.

Uye wabulela kuNqundwana wathi ukutya abakuthengele bona kuzakuwenza umahluko.

“Besixakiwe ukuba sizothini ngoba kaloku apha endlini akukho mntu uphangelayo siphila ngendodla,”uvalelise ngelitshoyo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.