Bahleli kubugoxo abantu eKosovo

2019-09-12 06:01
Inkunkuma ilahlwe ngaphandle kwe container ecalweni kwendlela iEisleben Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Inkunkuma ilahlwe ngaphandle kwe container ecalweni kwendlela iEisleben Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bahleli ebugxwayibeni abahlali baseKosovo, eSamora Machel, emva kokuba inkampani ibicoca kulandawo iye yayeka kwinyanga ephelileyo, emva kokuphela kwesivumelano sengqesho neSixeko saseKapa.

Oku kukhokelele kongcoliseko olumandla nolubanga inkxalabo kubahlali.

Umhlali Nomzamo Loli utyhole ngelithi yiveki yesibini inkunkuma ingaqokelelwa.

“Andazi ukuba kuqhubeka ntoni, ndibona nje ukuba inkunkuma ingcwele yonke indawo,” utshilo. “Napha kweza-container zigcina inkunkuma abahlali bayilahla nje akusekho nababantu baqhele ukuyiqokelela.”

U-Loli woleke ngelithi akukho nomntu okanye ilungu lekomiti elibaxelelayo bengabahlali ukuba kwenzeka ntoni. Uchaze ubomi babo njengobusemngcuphekweni wokonganyelwa zizifo yile nyhunyhu bahlala kuyo.

“Singenelwa ziimpuku neempukane ezihokini ngenxa yalo dothi ulahlwa nje. Nezinja nazo zifike zivule eziplastiki zinokutya,” ukhalaze watsho.

Wongeza ngelithi nabantwana babo bayachaphazeleka kuba badlala kule nkunkuma.

Uceba wendawo uSiphiwo Nqamnduku uthe unolwazi ngenkunkuma engaqokelelwayo.

Woleka ngelithi zikhona nezinye iingingqi ezichaphazelekileyo ezifana nePhola Park kunye ne Phantsi koCingo, eLower Crossroads.

“Ingxaki ikwisixeko saseKapa, siso esirhuqa iinyawo malunga nokuqesha inkampani yokucoca entsha. Bekufanele ukuba inkamapni entsha iqale ngomhla wokuqala kule nyanga imiyo kodwa akwenzekanga ngenxa yobuceducedu bangaphakathi ,” utyhole watsho uNqamnduku.

Wongeze ngelithi ebezicelile izikhulu zeSixeko saseKapa ukuba zizise ilori izokuqokelela le ikhoyo inkunkuma kodwa akhange bavume. Uthe akaqinisekanga ukuba kuzoqalwa nini ukusetyenzwa ngoba naye usebumnyameni.

“Lo mcimbi wokuqesha uthatha ixesha ngoba kaloku kuye kutsalwe amagama abantu abahlala kulongingqi ekuzobe kusetyenzwa kuyo. Emva koko asiwe ezikomitini zalondawo ukuze ziwabone zivume ukuba ziyavuma,” ucacise watsho.

U_Nqamnduku wongeze ngelithi ngamanye amaxesha kukhe kuphikiswane lonto yenze ukuba izinto zingahambi njengokuba bekucwangcisiwe.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.