Bakhala ezimathontsi ngomsebenzi

2020-01-30 06:00
Amalungu ombutho wabasebenzi ngethuba eqhankqalaza ngaphandle kwasango esikolo samabanga aphantsi iBardale. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Amalungu ombutho wabasebenzi ngethuba eqhankqalaza ngaphandle kwasango esikolo samabanga aphantsi iBardale. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Aqhankqalaze ngaphandle kwamasango esikolo samabanga aphantsi iBardale, eMfuleni, amalungu ombutho wabasebenzi iNational Education, Health and Allied Workers Union (NEHAWU) ngoMvulo egunyazisa ukuqeshwa kwelungu lalo mbutho.

Amalungu, nabe vathe iqaqa, avakalise ukungaxoli yindlela u-Andiswa Stuurman, nosebenza njengo mncedisi kwesi sikolo, aphethwe ngayo ngabaqeshi emva kweminyaka esebenza apha.

Atyhola ngelithi emva kweminyaka emithandathu ebila esoma kwesi sikolo isivumelwano sakhe sengqesho sifikelele esiphelweni nangona ukhona umsebenzi kwesi sikolo.

Ephawula ngale meko uStuurman uthe kulo nyaka uphelileyo uye waxelelwa ukuba sifikelele esiphelweni isivumelwano sakhe sengqesho.

“Ndiye ndaxelelwa yinqununu yesikolo ukuba isivumelwano sam sengqesho siyaphalelwa kodwa akandixelela ukuba sikhona isithuba esikhoyo ebendinoku cela umsebenzi kuso,” utshilo.

Noxa esebenza kwesi sikolo uStuurman utyhola ngelithi kuqeshwe mntu wumbi, nathi uzalana nelungu le komiti elawula isikolo.

Uhambise wathi le nyewe baye bayidlulisela kwiSebe lezeMfundo ephondweni ngethemba lokufumana isisombululo.

“Asikwazanga kufumana zimpendulo kwisebe kuba nabo bathe abayazi lento sithetha ngayo,” utshilo.

Othethela lo mbutho uSidwell Nobhongoza uthe bazamile ukuthetha nenqununu ngesi sithuba nalapho iye yathi lisebe lezemfundo elityumbe igama lalowo uthe waqeshwa.

U-Nobhongoza utyhole ngelithi ilungu labo seline thuba lisebenza kwesi sikolo kwaye akuzange kwavakala zikhalazo ngalo.

Uthe ibothusile bengumbutho le nto yenzekileyo yokuba kuqashwe umntu osuka ngaphandle ekubeni bekhona abantu ekudala besebenza kwesi sikolo.

Othethela iSebe lezeMfundo uBronagh Hammond uthe beli sebe bayazazi ezi zityholo zokugxothwa koStuurman ngokungekho semthethweni.

Uhambise wathi luxanduva lwe komiti elawulayo isikolo ukuqesha abantu abancedisa ezikolweni, eyabo indima kukuqesha ootitshala.

U-Hammond uthe izityholo zokuba kuqashwe umntu ozalana nelungu lale komiti ziye zaphikwa.

Uhambise wathi beli sebe bathethile nombutho iNEHAWU, nalapho bathe babonisana ngamanyathelo enokuwathabatha ukuzama ukusombulula le ngxuba-kaxaka.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.