Bakhala isankxwe eSamora

2019-04-11 06:01
Isigingqi esinamanzi amdaka esinxuse ucingo kufutshane nohola wendlela uR300 eSamora Machel.Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Isigingqi esinamanzi amdaka esinxuse ucingo kufutshane nohola wendlela uR300 eSamora Machel.Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Babongoza iSixeko saseKapa ukuba singenelele sicoce isigingqi esingcina amanzi amdaka kufuphi nezindlu zabo abahlali baseSamora Machel. Batyhola ngelithi la manzi abenzela ingxaki ngenxa yesankqange sevumba anaso kwaye ayabagulisa. Kungokunje, lamanzi sele ajike umbala waluhlaza.

Esi sigingqi sinxuse ucingo kufutshane nohola wendlela uR300 eSamora Machel.

Ngexesha iCity Vision ibityelele le ndawo iinkoliso yezindlu ezikufutshane bezivalwe iingcango ukuzama ukuthintela ivumba lingangeni ezindlini.

Omnye wabahlali ohlala kufuphi nesi sigingqi uBanele Gijana uchaze impilo yabo njenge mandundu.

Uthe ixesha elininzi basoloko bevalile ezindlini ukuqanda ivumba. Wongeze ngelithi esi sigingqi sele kulithuba singasacocwa ngumasipala.

“Uninzi lonke lwemibhobho yamazi yezendlela apha eSamora agalela apha kwesi sigingqi. Ngoku sele ade ajika aluhlaza ngoba akahambi,” utshilo uGijana. Uthe uloyiko lwakhe zizifo ezizothi zivele ngenxa yevumbaa elibi eliphuma kula manzi.

“Ndoyikisela abantwana ngoba badlala kufutshane nala manzi njengokuba kukho indawo yokudlala kufuphi nawo. Kwaye kukho nabantu abalahla inkunkuma kwalapha kuwo,” ucacise watsho.

U-Gijana wongeze ngelithi eli vumba lithanda ukuqatsela ekuseni.

“Inye nje into esiyifunayo ukuba iSixeko saseKapa sicoce esi sigingqi kwaye sivulele le mibhobho ukuze la manzi ahambe,” ugxininise watsho.

Wongeze ngelithi kwanqaba neendwendwe kule ndawo ngenxa yobu bugxwayiba.

Noxa kunjalo uGijana uthe ukhe wabona iqela labasebenzi baka masipala bezama ukuvula imibhobho ehambisa amanzi kodwa uthi wababona sele engababoni yabe imibhobho ingavulekanga.

Onguceba wale ngingqi Sithembiso Mzobe uthe unolwazi ngesi siginqi sinamanzi amdaka watsho esithi basalinde abasebenzi bakamasipala ukuze bazowakhupha.

“Kule nyanga iphelileyo abasebenzi besixeko bebekhe bayityelela landawo ngenjongo zokuzama ukuyicoca. Kodwa kuthe kusenjala bonakalelwa ngumatshini lo ufunxa amanzi ukuzama ukuwakhupha phaya.

“Kwaze kwanyanzeleka kengoku ukuba banqumame okwethutyana. Kodwa eneneni wona ukulunga nje kwawo umatshini sizakubuyela siphnde siqalise sisebenze,”utshilo uMzobe kodwa wayicacisa ukuba akaqinisekanga ukuba uyakulunga nini na lo matshini.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.