Bakhala ngoceba abahlali eMurray

2019-11-28 06:01
Abahlali bamatyotyombe Murray baxakekile bacoca amabala ukulungiselela ukwakha iihoki zabo ngokokutsha. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Abahlali bamatyotyombe Murray baxakekile bacoca amabala ukulungiselela ukwakha iihoki zabo ngokokutsha. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Balugcwabevu ngumsindo abahlali bamatyotyombe iMurray, eBrowns Farm ePhilippi.

Batyhola uceba wabo kawadi 80 uNkululeko Mgolombane ngokungabakhathaleli. Oku bakuthethe emva kokuba amatyotyombe angama 20 etshe angqungqa, ngenjikalanga yangoLwesine weveki edlulileyo. Ukanti li 113 abantu abashiyeka bengoding’indawo ngenxa yesi siganeko.

Unobangela womlilo awukaziwa.

Ngethuba iCity Vision ifika kwindawo yesiganeko iinkokheli zokuhlala ziye zala ukuthetha nathi ngelithi sithunywe ngu ceba nezimtyhole ngoku ngakhathali.

Enye yeenkokheli iye yabuza ukuba uceba ukwazi njani ukubiza abantu bendaba kodwa khange aze ukuzovela.

“Ukususela izolo (Lwesine 21 kweyeNkanga) ukuzotsho namhlanje (22 kweyeNkanga) khange simbone apha uceba. Siyothuka xa ethumela wena, kodwa khange eze. Nezi zixhobo zokwakha siye senza inzame ngokwethu ukuze sibe siyazifumana,” uthethe watsho. Waleke ngelithi akukho nto bazakuyithetha bezi nkokheli ngaphandle kokuba uceba eze ngokwakhe.

Umhlali ozibize ngokuba unguMbhele ngokoyisile ukuba laziwe igama lakhe ziinkokheli uthe utshelwe yiyo yonke into ibisehokini yakhe. “Bendiphangele mna ukuqala kwawo lo mlilo. Ndifike zonke iimpahla zam zitshile akukho nto ndiyikhuphileyo. Nesazisi sam sisinde nje kuba sisoloko sisesipajini naso ngesitshile,” utshilo uMbhele. Uye waligqina ilizwi elithethwe ziinkokheli zokuhlala ukuba uceba akasabonakali kule ngingqi.

“Yhooo uceba akasezi apha kuthi andisazi isizathu ukuba yintoni na. Akukho nto siyaziyo apha emalunga nophuhliso ngoba asinamntu wokusicacisela,” utshilo. Wongeze ngelithi uneminyaka eli 14 ehlala phaya. Uthe xa ngaba kunetha kuye kubekho izikhukhula batshone emanzini kwaye namatyotyombe abo ayatsha.

Isithethi sesiXeko saseKapa kwicandelo lezomilo nokhuseleko uJermaine Carelse usingqinile esi siganeko kodwa wayicacisa ukuba akukho monzakalo nabantu baswelekileyo. Uthe abanye babahlali baye bagibisela ngamatye izithuthi zikamasipala ngexesha bezizocima umlilo. “Kuye kwakhutshwa iloli yokucima umlilo kunye nabasebenzi abangama 23,” uthethe watsho uCarelse.

Uthotho lweenzame zeCity Vision zokufumana impendulo kuMgolombane ziwe phantsi. Akhange aphendule nomnye kuthotho lwemibuzo neminxeba yethu.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 

Matric Results are coming soon!

Notify me when results become available

This site is protected by reCAPTCHA and the Google Privacy Policy and Terms of Service apply.

/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.