Bakhubazekileyo

2019-02-07 06:00
Ukusuka ekhohlo ngu Phindile Makhaphela, Mzubanzi Balintulo, Xoli Mengqane, Liyanda Handula, Nomhle Gavu kunye noPhumzile Nteyi.     PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Ukusuka ekhohlo ngu Phindile Makhaphela, Mzubanzi Balintulo, Xoli Mengqane, Liyanda Handula, Nomhle Gavu kunye noPhumzile Nteyi. PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Inkampani iMasithuthuke Holdings kwakunye nabaququzeleli be Gugulethu 60th Anniversary Celebrations banikele ngezihlangu kwakunye neencwadi kwizikolo ezibini kuleveki iphelileyo.

I-Masithuthuke yinkampani ejamelene nophuhliso lwabantu abamnyama kwezoshishino, kuquka amashishini akhasayo kwakunye nasele ephumelele.

Le nkampani ikwanikezela ngeenkonzo zophuhliso kwi nkampani zabucala nezika wonke-wonke.

Ngama 50 abafundi abathe baxhamla ngethuba le nkampani indwendwele isikolo sezakhono iSiviwe, eGugulethu. Inikezele ngezihlangu ezingama 50. Ukanti ithe yanikezela ngencwadi, izixhobo zokubhala, kwakunye nezixhobo zezibalo kwisikolo saba khubazekileyo iThembalethu.

Bathe isizathu sokuba bakhethe ezi zikolo, kungenxa yokuba oluhlobo lwezikolo luye lulibaleke ebantwani abaye bafake isandla ezikolweni.

Isekela-nqununu lase Thembalethu uNomhle Gavu, uthe baya lwamkela kakhulu uncedo abathe balifumana kuba ayinguye wonke umntwana okwaziyo ukuzithenga izixhobo ezibanceda ekufundeni.

“Abanye babantwana bethu abakwazanga kuzithenga ezi zinto bazifumana namhlanje, kuba baphila nge nkam-nkam eye incedise emakhayeni abo,” utshilo uGavu.

Uthe esi siphiwo sizakubanceda kakhulu abafundi kuba abazokuzibona behlelelkile kuba bengenazo izinto ezithile, kwaye lonto izakwenza ingqondo zabo zihlale ezifundweni zabo.

U-Liyanda Handula we Masithuthuke uthe wayengumfundi wase Siviwe phambi kokuba ibe sisikolo sezakhono.

Uthe yindlela yabo yokubuyisela kubantu bakubo abangafikelelekiyo kwezinye izinto.

“Siye safumanisa ukuba eSiviwe kukho abantwana abangenazo izihlangu zesikolo kuba kusokolwa emakhayeni abo,” utshilo uHandula.

Uthe isizathu sokuba bakhethe iThembalethu kukuba baye baqaphela ukuba izikolo zabantu abakhubazekileyo ziye zingafumani ziphiwo kwelixesha lokuqala konyaka.

Umququzeleli we Gugulethu 60th Anniversary Celebrations, nethe yasingatha umsitho weminyaka engama 60 kwasekwa iGugulethu, uPhumzile Nteyi uthe ukubuyela esikolweni yinto eyenzeka nyaka- na-nyaka kwilizwe liphela, kodwa izikolo zabo bakhubazekilyo ziyalibaleka. Ubongoze abantu ukuba bazijonge izikolo zaba khubazekileyo.

Uthe abantwana abasuka kumakhaya asokolayo baye basiyeke phakathi isikolo kuba bezibona bengafani nabanye abafundi.

Uthe yilonto ke beqonde ukuba mabancede apho bakwazi khona ukulwa nento yabantwana abayeka phakathi esikolweni.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.