Bakhuthaza inkcube kunye nentlonipho

2019-09-26 06:01
Umama uNofungile Sizila uyala ulutsha elukhuthaza ukuba ligcine amasiko nezithethe zakwantu. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Umama uNofungile Sizila uyala ulutsha elukhuthaza ukuba ligcine amasiko nezithethe zakwantu. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Intlonipho, ukuzingca ngezithethe, inkcubeko kunye namasiko, ezi zezinye zezinto ezithe zagqama ngethuba ulutsha lwebandlala lamaWisile kwisekethe iBethel ludibene kwiziko i-Ulwazi, eNew Crossroads, ngoMgqibelo odlulileyo.

Le ndibano ibibanjwe njengenxalenye yokubhiyozela inyanga yenkcubeko namagugu ukukhuthaza nokuxhobisa ulutsha ukuba lugxile ekufundeni ngezithethe namasiko. Ngabantu abatsha bale sekethe abaphuma eNew Crossroads, eNyanga, eKTC, eGugulethu kunye naseCrossroads abathe bazimasa lo msitho.

Isithethi esiphambili umama Nofungile Sizila, nochazwe njengomntu osemfuthweni kwizinto zamasiko, ulincomile eli phulo. Ulichaze nje ngelikhuthazayo. Ubongoze ulutsha ukuba lugcine amasiko nezithethe, kwaye luzingce ngemvelaphi yalo.

“Ingxaki yolutsha lwanamhlanje lugxile kakhulu kwicala laseNtshona bazifulathele ezabo izinto. Ngoku sithi mababuyele embo sibafundise la mpilo yayiphilwa kudala,” uthethe watsho u-Sizila.

Uthe bakwabafundisa nangezinto ezazisenziwa kudala nezingenziwayo ezidolophini. “Asithi mabangayi ecaweni bayokhonza, kodwa sikhuthaza ukuba bangazilibali imvelaphi yabo. Abantwana bangoku abasenayo intlonipho benza nje nantoni na, kanti mandulo sasiyazi ukuba nabani na umntu omdala ngumzali wakho lowo. Aba bangoku abantwana bahlonipha aba bazali babazalayo qwaba,” uthethe watsho.

U-Sizila uthe mandulo yayilihlazo ekuhlaleni into yokuba intombazana okanye inkwenkwe ibenomntwana ingekatshati. “Mna ndinabantwana abasixhenxe, bonke ndibazele ngoku senditshatile. Nditshate ndiyintombi nto. Singamantombi sasingenzi nje nakanjani. Sasingadlaleli ngasezibayeni zootata bethu. Ngoba sasisazi ukuba ukhe wadlalela ngakuso uyakube usibulele isidima sabazali bakho,” ucacise watsho. Woleke ngelithi zonke ezi zinto zenzekayo apha phandle zokubulalana kwabantu zibangelwa kukutyeshelwa kwamasiko nezithethe.

Ilungu lolutsha uAphiwe Ngwane uchaze lo msitho nje ngofundisayo, ingakumbi kubo belulutsha. “Inkoliso yethu silulutsha, ingakumbi apha ecaweni, sizalelwe ezidolophini asizange saya ezilalini ngoku asizazi izinto zesiNtu. Xa ngaba kuthethwa ngezinto ezazisenziwa kudala ezinje ngokusinda, intonjane nezinye izinto asizazi thina,” utshilo uNgwane.

Wongeze ngelithi kukangako beye bamema umama Sizila azokubafundisa ngenkcubeko. Uchaze eli phulo njengabazakuqhubeka balenze minyaka le ukuzama ukukhuthaza ukugcinwa kwamasiko nezithethe zakwaNtu.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.