Bamemelela ubunye ngezwi

2019-10-31 06:01
Umbutho Izwi Labashumayeli ububambe umthandazo wokulwa ubundlobongela.iMiFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Umbutho Izwi Labashumayeli ububambe umthandazo wokulwa ubundlobongela.iMiFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ludibanise iintloko kwiholo yoluntu yase Lower Crossroads ulutsha lweenkonzo ezahlukeneyo kwiilokishi zeli leNtshona Koloni ukucela intethelelo nokuthandazela oogxa babo kunye nabantu abathe bondulelwa zizihlobo zabo.

Lo msitho ububanjwe ngoMgqibelo umhla wama 21 kule imiyo.

Umphathi walo mbutho uPhumlani Mkhosi uthe lo mbutho wasekwa ngomnyaka ka 2012 ngenzame zokuthandazisa iintsapho zamalungu xa ethe ashiywa zizihlobo okanye izalamane.

Noxa kunjalo, uthe baye banikezela ngenkxaso xa kukho ubani okanye usapho olunqwenela ukunikwa inkxaso, kwaye akukhathaliseki nokuba uphuma phi.

“Asifuni kujongeka nje ngabantu abangajonganga xa kusenzeka izinto ezimbi ebantwini yilonto siye sabamba lo mthandazo,” utshilo uMkhosi.

Uthe kulo mnyhadala bebebize amalungu eminye imibutho kwakunye namapolisa kuba ngawo azama ukulwa nobundlobongela nokubulawa kwabantu.

Uwuchaze lo myhadala njengobe yimpumelelo. Amalunga athe awuzimasa aquka asuka eKraaifontein.

“Asizukuyeka ukwenza le mithandazo, siza kuqhubeka siyenza nakwezinye iindawo,” utshilo.

Waleke ngelithi abaphelelanga ekubambeni nje imithandazo baya nasezintilongweni.

U-Funeka Ngomani, nongomnye babantu abebeququzelela lo mthandazo, uthe nangona amapolisa namajoni ekhona ukuzama ukulwa nobundlobongela kodwa izinga liyenyuka kule ngingqi.

Ngokwenkcukacha manani isikhululo samapolisa sasePhilippi East, nalapho indawo yase Lower imangala khona, sithe sabona ukwenyuka kwezenzo zobundlobongela. “Siye sabona ukuba makhe sicele uThixo ukuba naye angenelele kuba ubundlobongela buya gquba kakhulu kule ndawo” utshilo Ngomani.

Uthe ngendlela ekwenzeka ngayo izinto ingathi uThixo uyifulathele le ndawo kungoko ke baye bagqiba ekubeni bathandaze bambize ukuba abe khona kule ndawo.

U-Ngomani uthe amapolisa ewodwa awasoze akwazi ukulwa ulwaphulo-mthetho.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.