Baphila ngobugoxo

2019-08-15 06:01
USonwabo Ndonyela uqokelela inkunkuma ukuze alale etyile nosapho lwakhe.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

USonwabo Ndonyela uqokelela inkunkuma ukuze alale etyile nosapho lwakhe.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ubugoxo benye indoda bubuncwane benye indoda, le yintetha exhaphakileyo kulwimi lwesingesi kwaye yindlela aphila ngayo utata waseKhayelitsha uSonwabo Ndonyela.

Lo tata wabantwana ababini, abaminyaka ili 12 kunye nemibini, uthi wayeka umsebenzi wokuba ngunogada ngonyaka 2017 waziqalela ishishini lokuqokelela inkunkuma apho ahlala khona.

U-Ndonyela (onama 39 eminyaka) uthi wathabatha isigqibo sokuyeka umsebenzi emva kokuqaphela ukuba unethuba elihle lokwenza inzuzo kwishishini lokuqokelela inkunkuma.

Uthi waqala kancinci eqokelela amakhadbhodi, waza wafikelela kwisigqibo sokuyeka umsebenzi ukuze ajongane neshishini lakhe.

Kungoku nje wenza lo msebenzi nenkosikazi yakhe.

Esi sibini siqokelela inkunkuma kuquka zonke izinto ezenziwe ngeplastiki, amakhadbhodi, iitoti zenkcenkce kunye neebhotile zeglasi. Yonke le nkunkuma bathi bayigcine emzini wabo eMakhaza, ze ithi yakubaninzi bayilayishe kwinqwelo yabo bayise kwindawo efanelekileyo, nalapho bathi benze khona ingeniso.

“Ndiye ndayo nwabela into yokuqokelela amakhadbhodi ndaqala nokuqokelela iplastiki,” utshilo uNdonyela.

Uthe uye wabona ukuba angayeka emsebenzini wakhe aze ajongane nelishishini angayenza imali.

U-Ndonyela uthe emveni kokuba eqokelela amakhadbhodi nezinto zeplastiki uye waqalisa ukuqokelela itoti.

Uthe ngosuku xa ethe wagcwalisa isithuthi sakhe ngeplastiki, itoti kunye namakhadbhodi uye ayenze imali engange R3200. Iiglasi zona ziye zithathe iveki nokuba ezimbini ukuziqokelela, kwaye ixabiso lazo lixhomekeke kubunzima bazo.

Phakathi kokunye uthi uqokelela kwimigqomo yabantu ekuhlaleni nakwizikolo ezimngqongileyo, ze aphinde aye kwii khonteyina zika masipala.

Ukanti kunyaka ophelileyo uthi uqale ukuya kwizimokolo nalapho athi afumane iitoti kwakunye neebhotile zeglasi.

Uthe abanye babamelwane bakhe babemkhalazela ekuqaleni besithi uzakuba phathela iimpuku nalapho waye waqonda ukuba makafuye ikati ezokuthi izigxothe.

Uthe ekuqhubeni kwakhe eli shishini uye waqonda ukuba makazithengele iskali nalapho azakuthi askalishele abanye abantu abaqokelelayo nje ngaye zeyena ababhatale.

“Isizathu esibangele ukuba mandithenge iskali kungenxa yokuba ziba kude indawo esithi sithengise kuzo ezi zinto siziqokelelayo, kungoko ndiye ndacingela abantu abaninzi abenza oku,” utshilo uNdonyela.

Uthe oku akupheleli nje ekubeni babe nemali yokondla iintsapho zabo, kodwa bayanceda ukucoca ekuhlaleni njengoko inkoliso yabantwana abadlala ngenkunkuma iye ifumane izifo.

Uchaze eli phulo njengento ehlangabezana nomasipala ukucoca kwiindawo zabantsundu.

U-Ndonyela uthe owona mceli mngeni ajongene nawo okwangoku kukulungisa isithuthi sakhe ukuze aqhubeleke nomsebenzi wakhe.

Owona mnqweno wakhe kukuba likhule ishishini lakhe ukwenzela ukuba abe nokwazi ukuqasha abantu abangaphangeliyo ukuze nabo bakwazi ukuphila bangaxhomekeki kurhulumente.

Waleke ngelithi okwalomzuzu usasebenza nonkosikazi wakhe ekuqokeleleni kwaye lonto iyamnceda kakhulu kuba eyedwa akakwazi ukuba sendaweni ezininzi ngexesha elinye.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.