Baphume iphulo abezomthetho

2019-08-29 06:00
U Constable Bongiwe Malgas-Mahlanza usetsha intwazana yesikolo iZimasa ngethuba logqogqo kwiveki ephelileyo.

U Constable Bongiwe Malgas-Mahlanza usetsha intwazana yesikolo iZimasa ngethuba logqogqo kwiveki ephelileyo.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Baphume iphulo lokulwa ubundlobongela abezomthetho kwaLanga ngolwesine weveki ephelileyo.

Ekhatshwa liqela lamajoni, amapolisa akwaLanga neqela eliphuma kwicandelo lezomthetho kwiSixeko saseKapa bajikeleza izitalato zale ngengingqi bekhangela iziyobisi kwakunye nezikhali eluntwini oluyabula izitalato.

Ngaxeshanye bakwenze ugqogqo kwisikolo samabanga aphantsi iZimasa, nalapho bebekhangela iziyobisi kubafundi.

Ngokwengxelo esi sikolo sinengxaki yabafundi ababandakanyeka kulwaphulo-mthetho.

Othethela amapolisa kwaLanga uKapteyni Nondumiso Paul uthe eyona njongo yabo kukulwa ulwaphula mthetho kule ngingqi.

Oku kuquka iziganeko zokubulala, ukuzama ukubulala, ukudlwengula, ukukhuthuza, nokukhuthuza ngezikhali kwakunye nokoxuthwa kwezithuthi zabantu.

Njengenxalenye yeli phulo banikezele ngamaphepha aqulethe iinkcukacha zomthetho kwiindawo ezibonwa njengezona zinobungozi.

U-Paul uthe abaqali ukuba nenkqubo ekumila kunje. Woleke ngelithi baye benze olu gqogqo xa kuye kwabonakala ukuba ulwaphulo-mthetho lonyukile.

Uwachaze amaphulo akumila kunje ngokuba yimpumelelo ixesha elininzi. Uthe baye babafumane abaphuli-mthetho, kwaye bayathemba ukuba neli iphulo lizakubaphathela iziphumo ezihle.

U-Fezile Mguqulwa, inqununu yase Zimasa, uthe bayahambisana nokwenziwa ngamapolisa kuba bafuna ukubona abantwana besikolo bekhuselekile.

Wongeze ngelithi zininzi izinto ezenzeka ekuhlaleni, kwaye abantwana basuka kumakhaya ngamakhaya nalapho baye bafunde izinto ezingalunganga baze nazo esikolweni emva koko.

“Thina sisikolo asihambisani kwaphela nokusetyenziswa kweziyobisi ngabatwana besikolo kuba basebancinci kakhulu,” utshilo.

Ukwalumkise abafundi ngobu ngozi beziyobisi, ngelithi zinechaphaza elibi kwikamva labo.

Ukanti ziyabethana izimvo zabahlali ngeli phulo, bambi bathi abayiboni imfuneko yokuba yokwenziwe olu gqogqo emini kuba izinto ezingalunganga zenzeka ngobusuku.

Umhlali uLumko Jack uthe: “Lento bayenzayo ngebeyenza ngobusuku kwaye ngempelaveki kuba lelona xesha ulwaphulo-mthetho luye lubalasele ngalo.”

Wongeze ngelithi oku kufana nje nenkcitha xesha kuba akhonto bangayifumana emmini lihlabe umhlaba. “Bamosha nje ngexesha labo,” utshilo.

U-Bulelwa Diko yena uthe abaziva bekhuselekile konke konke kodwa xa kunosoloko kusenziwa ugqogqo bangatsho bakwazi nokuphendula onomyayi babo.

Uthe uyayikhuthaza kakhulu lento yenziwayo ngabomthetho.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.