Baqaphele usuku lwabo oomama

2019-05-16 06:01
Omakhulu bakwaLanga bebebhiyozela imini yomama ngeCawa.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Omakhulu bakwaLanga bebebhiyozela imini yomama ngeCawa.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibizotywe ebusweni imincili kwiinkondekazi zakwaLanga ngethuba iqela loomama abatsha libenzela umsitho wokuqaphela usuku loomama ngeCawa edlulileyo.

Zingaphezulu kwama 30 iinkondekazi ezithe zazimasa lo msitho, nobubanjelwe kwiholo elikwiziko leentsana iNolukhanyo.

Ngokwabaququzeleli balo msitho injongo yabo ibikukuba ezi nkondekazi zikhe zilibale ngemiceli mngeni ezijongene nayo ezindlini zazo.

Omnye wabaququzeleli uLulama Maseko uthe bacinge ukuba bavuyisane noomakhulu ngalo mhla, nobhiyozelwa kwihlabathi rhoqo ngonyaka kwicawa yesibini ngenyanga kaCanzibe.

Uthe isizathu sokuba babambele lo msitho kwiholo lekhritshi iNolukhanyo kungenxa yokuba kudala belilwela eliholo ukuba babambe intlanganiso nezinye izinto zokuhlala.

U-Maseko uthe bavuyile kakhulu omakhulu ngabakwenzileyo kwaye bazakuphinda benze umsitho ololuhlobo kungekudala.

“Besiqala ukwenza into enje, kwaye sibonile ukuba oomakhulu bayayithanda,” utshilo uMaseko, wathembisa ukuba baza kuthi gqolo bewenza lo msitho.

U-Dina Nogulwana (73) uthe lento bayenzelwayo ibaluleke kakhulu kubo bengabantu abadala. “Siyavuya kakhulu yilento siyenzelwa ngabantwana nabazukulwana bethu namhlanje ingase kuhlale kumnandi kunje ezimpilweni zethu mihla le,” utshilo uNogulwana.

Uthe bengabantu abadala bafumana ingxaki ebantwaneni kuba abanambeko ixesha elininzi.

“Abantwana bethu basiphatha kakubi ixesha elininzi kuba sibadala, kwaye abasimameli xasithetha,” utshilo uNogulwana.

Wenze ongazenzisiyo umbulelo kubaququzeleli balo msitho, watsho esithi banqwenela ukuba wenziwe rhoqo.

Omnye wabaququzeleli uBrenda Jwangi uthe lento bayenzileyo ibalulekile kakhulu kuba bebengakwazi ukulisebenzisa eli holo ukwenza izinto zokuhlala.

“Bekukho abantu ebebesithintela ekubeni senze izinto zokuhlala kwe liholo nalapho bekufuneka siyokuqasha amaholo kwezinye iingingqi,” utshilo uJwangi.

Uthe bayavuya kakhulu ngokubona omakhulu bonwabile ngale mini yoomama kuba abanye babo baphila kwiimeko ezibuhlungu ezindlini zabo ngenxa yabantwana.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.