Baqhankqalazela iinkonzo eMalema

2019-06-20 06:01
Imoto ekutyholwa ukuba itshiswe ngabahlali bamatyotyombe aseMalema ngexesha bebeqhankqalaza.Umfanekiso: unathi obose

Imoto ekutyholwa ukuba itshiswe ngabahlali bamatyotyombe aseMalema ngexesha bebeqhankqalaza.Umfanekiso: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abahlali bendawo yamatyotyombe iMalema, ePhilippi, bathi bazakuthi gqolo ngemisadulo yabo ukuba izikhalo zabo zokufakwelwa iinkonzo azisiwa so ngaba semagunyeni.

Abahlali abalugcwabevu ngumsindo batyhola uceba ka wadi 34, uFikiswa Nkunzana, ngokungazithatheli ngqalelo izikhalazo zabo.

Ezi zityholo ziza emva kokuba abahlali abebeqhankqalaza bentumeke ngomlilo amavili ku hola wendlela iGovan Mbeki ngoLwesihlanu weveki edlulileyo.

Ngexesha lalo mgushuzo kutyholwa ngelithi abaqhankqalazi bophule irobots, baze bophula iifesitile kwii ofisi zika masipala eFezeka. Bakwatyholwa ngokutshisa isithuthi ebesime eyadini.

Ongusihlalo wekomiti yabahlali kula ngingqi uZukisa August uzikhabe ngawo omane ezi zityholo, watsho esithi azange babeke nomcondo kumasango ezakhiwo zika masipala.

“Oyena nobangela wokuba sitoyitoye nguceba wethu uNkunzana ongasihoyiyo no ngeziyo xa simbiza singabahlali. Sifuna ukufakelwa iinkonzo singabahlali, kwaye kudala simcela uceba sifuna aze kuthi akasiniki mkhondo,” utshilo u-August. Wongeza ngelithi ezona zinto bazifuna ngamandla ngamanzi, umbane kunye nezindlu zangasese.

Ungqinile ukuba bebewatshisile amavili endleleni ukuzama ukuphalaza intlungu yabo.

“Siwatshisile amavili endleleni iGovan Mbeki, kodwa khange sizibethe irobots. Siye sajikela ngaphambili sicula ukuya ngasesangweni. Sithe xa sifika sakhawulelwa ngamapolisa asidubula ngembumbulu zerabha besifaka ne-pepper spray saze sabaleka,” ucacise watsho.

Wongeza ngelithi ngelitshwa abantu bangama 42, kuquka yena, baye babanjwa bavalelwa eziseleni.

U-August uthe oko bahlala kula mhlaba ukususela kweyeSilimela kunyaka ophelileyo bebeqala uthetha noceba wabo kule nyanga iphelileyo, ngethuba befika esesitishini samapolisa ngakwi sikhululo sika loliwe ePhilippi. “Nalapho zange asinike nto inasihlahla kuba singazange siphinde simbone kunangoku,” wongeze ngelitshoyo uAugust.

Inzame ze City Vision zokufumana uluvo lwakhe uceba ziwe phantsi ngoba umnxeba wakhe ubuvaliwe. Ukanti ongumncedi kwi ofisi kaNkunzana uNomandla Hlwathi uthe uceba uye esingcwabeni eMpuma Koloni.

Oli lungu lesigqeba sekomiti kaSodolophu kwezokhuseleko uJP Smith uthe besi Sixeko ibothusile into yokuhlaselwa kuka masipala wase Gugulethu.

Utyhole ngelithi abaqhankqalazi batshise imoto kunye ne (carpot) ekude kufuphi nakwindawo yabasebenzi bezicimamlilo. “Umphathi kwiziko lezicima mlilo uye wanqumamisa abasebenzi ngenxa yomonakalo. Ezi nkonzo bazitshabalalisayo zinceda uluntu kwaye xa behlasela iinkonzo bahlasela ukuhlala ngokubanzi,”utshilo uSmith.

Uthe abasebenzi kwiziko lezicima mlilo eGugulethu basiwe kwezinye izikhululo de izinto zibuyele esiqhelweni.

Iinzame zokuzama ukufumana ilizwi elisuka emapoliseni aseGugulethu ziwe phantsi.

Isithethi sesikhululo kuthiwe sikwi khefu logama umphathi sikhululo naye kuthiwe akakho.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.