Baqhwatyelwe izandla abaseki mbutho

2019-10-10 06:00
U-Muriel Nkayi, uRoyland Sewete kunye noAgnes Magoda baseka umbutho wabantu abadala.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

U-Muriel Nkayi, uRoyland Sewete kunye noAgnes Magoda baseka umbutho wabantu abadala.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Liwonge iinkonde neenkondekazi ngendima ezithi ziyidlale embuthweni ikhaya labantu abadala iSinoyolo, e-Ilitha Park, eKhayelitsha, ngoLwesine weveki endlulileyo.

Ngama 35 abantu abadala abaye bathiwe jize ngamaxwebhu eziqinisekiso zenkxaso kulo mbutho ngethuba ubhiyozela usuku lwamagugu nenkcubeko.

Omnye wabaseki balo mbutho u-Agnes Magoda uthe lo mbutho wasekwa ngomnyaka ka 2015 ukunika inkxaso kubantu abadala ekuhlaleni.

Uthe baqaphela ukuba indawo yase Ilitha Park ayinalo iziko elikumila kunje, kwaye akukhonto okanye ndawo apho bathi badibane khona.

U-Magoda wawuseka lo mbutho noRoyland Sewete kunye no Muriel Nkayi, kwaye bathi baqinisekise ukuba abantu abadala banento yokwenza rhoqo evekini, kwaye bahlala besemandleni ngokuthi bazilolonge imihla nezolo.

Usuku ngalunye baye baluqale ngomthandazo bazilolonge, batye isidlo sakusasa basebenze egadini ze babaliselane amabali ngezinto eziqhubeka kubomi babo.

U-Nkayi uchaze iinzame nendlela yabo yokubhalisa lo mbutho njengebigcwele amahla ndinyuka.

“Azange safumana nkxaso tu kurhulumente oko saseka eli qela, siye sincedwe ngamaSamariya alungileyo,” utshilo.

Uthe umceli mngeni abajongene nawo okwangoku kungabikho kwesithuthi sokuthutha ezingwevu nengwevukazi njengoko inxalenye yabo ihlala kude, kwaye bebadala.

Umququzeleli weli qela uNolungelo Ophila uthe bebebhiyozela imini yenkcubeko. Uhambise wathi bagqibe kwelokuba bawonge ngokukhethekileyo abaseki balo mbutho, ukubabulela ngomsebenzi wabo. Uthe baye bahlale naba bantu badala iveki yonke nalapho baye benze izinto ezahlukeneyo ukwenzela ukuba bangabi nasithukuthezi.

U-Ophila uthe baye bathathe inxaxheba kukhuphiswano lwamaqela omculo rhoqo ngenyanga. Uthe bayabakhuthaza abantu abadala ukuba bazibandakanye neliqela xa bethe bathatha umhlala phantsi emisebenzini yabo.

Uthe ukuzibandakanya nalo mbutho umntu ubetha imali engange R120 ukuze abe ulilungu.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.