Bashiyeke bebambe ongezantsi

2019-08-08 06:01
U - Nozabekho Mfakadolo nosomashishini uMavuso Gqola owamnceda ngokumakhela iphahla lendu yakhe. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

U - Nozabekho Mfakadolo nosomashishini uMavuso Gqola owamnceda ngokumakhela iphahla lendu yakhe. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Lushiyeke luntyumpa-ntyumpeka emanzini usapho lwaseMfuleni, emva kwezandyondyo zemvula kunye nengqele eqhaqhazelisa amazinyo kutshanje.

Kungokunje uNozabekho Mfakadolo (onama 59 eminyaka) kunye nabazukulwana bakhe abane bazimpula zikalujaca kwaye bafuna amancedo.

Ephawula ngentlungu yakhe uMfakadolo uthe ingxaki iqale ngethuba isivuthuvuthu somoyo sisiwisa ipali yombane phezu kwendlu yakhe, yashiya umonakalo ongathethekiyo.

U-Mfakadolo uhambise wathi ebengekho ngethuba kusenzeka esi siganeko. Ukanti abazukulwana bakhe abaphakathi kweminyaka esixhenxe ne 15 bebekhona nangona bengakhange bonzakale. “Baye basinda abantwana bam konakele nje uphahla, impahla zasendlini ezifana nomabonakude istovu nebhokisi yombane,” utshilo.

Ngenxa yokungabi nandawo uthe kwanyanzeleka ukuba baziquthe ekoneni ngobusuku bentlekela ukuze bafumane ukufudumala.

Uthe kwanyanzeleka ukuba impahla bayogqume ngeeplastiki.

U-Mfakadolo uthe nanjengomntu ongaphangeliyo nongafumani mali yendodla uye waxakwa ukuba uzakuyilungisa njani indlu yakhe. Uthe uhambe enkqonkqoza ezama ukufumana uncedo ukuze indlu yakhe iphinde ibuyele esimeni sayo, kodwa usonyuka umnqantsa.

“Ndiyile kwi ofisi kaceba nalapho ndiye ndanikwa inombolo zemfonomfono emandizofowunele kodwa tu ukuncedakala,” utshilo.

Uthe uphele encedwa ngomnye wosomashishini bale ngingqi ahlala kuyo nothe wamnika imali yokuthenga izinto zokwakha, waze waphinda waqesha abantu bokwakha.

Woleke ngelithi ubulela ngokungazenzisiyo kulo Msamariya ulungileyo.

Lo somashishini uMavuso Gqola, nokwaphila nokukhubazeka, uthe uMfakadolo wazo khala kuye ngemeko eyayimongamele.

U – Gqola uthe lo makhulu ebesele elahle ithemba kuba ebengalufumani luncedo. “Kodwa ndiye ndaqonda ukuba andinokumyekela mna. Ndiye ndathenga amazinki kwakunye nezinye izinto zokwakha uphahla lwakhe nezindibize imali engange R10 000, ndaze ndafuna nabantu bokulilungisa,” utshilo.

Uthe uMfakadolo ayingomntu wokuqala ukumnceda kuba yinto ayithandayo le ingakumbi xa ebona imeko enzima abantu bale ngingqi abaphila phantsi kwazo.

Ndinceda naphi na apho ndikwazi khona, kwaye akukoko kugqibela ndinceda umntu,” woleke ngatshoyo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.