Bathiwe jize ngeengubo abadala

2019-07-25 06:01
U Nazier Parker kunye noceba wengingqi uNonqaba Xamle benikisa ngeengubo.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

U Nazier Parker kunye noceba wengingqi uNonqaba Xamle benikisa ngeengubo.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abantu abadala kwakunye nabantu abakhubazekileyo bakwa Langa bazakufudumala kobu busika emva kokuba bethiwe jize ngeengubo ezishushu yicawa iZimasile Islamic Langa Mosque.

Le cawa ithe yanikezela ngezingubo kwikhaya labantu abadala iSizamile Old Age Home kunye nekhaya labantu abakhubazekileyo i-Ikhaya labantu, kwaLanga, ngoMgqibelo umhla wama 20 kweyeKhala.

Usihlalo wale cawa uNazier Parker uthe banikezele ngeengubo ezi ngama 300 kubantu bakwaLanga.

Uthe nangona bekubhiyozelwa umhla katata uNelson Mandela bona baye bawonge abantu abahlelekileyo minyaka le.

Uthe baye babona ukuba mabaphe la makhaya iingubo kuba ilixesha lasebusika. Uyichaze impilo yaba bantu njengebaluleke kakhulu kubo.

U-Paker uthe abapheleli nje ekuphiseni ngeengubo, kodwa baye baphekele abantu abahlelelekileyo ze ngemigqibelo bavule iziko lezempilo nalapho abantu baye baxhamle khona mahala. Uthe eli ziko lezempilo liye libenoogqirha balecawa.

Umphathi wekhaya labadala uMichael Duma uthe balikhaya elizimeleyo kuba abafumani nkxaso isuka kurhulumente.

“Iyasivuyisa kakhulu lento siyenzelwa ngumnumzana uParker kuba siyazisokolela akukho apho sifumana nto khona,” utshilo uDuma.

Wongeze ngelithi bane bhedi ezingama 35 kwaye ukuze babe bayatya abantu abadala baye bakhuphe isixa esithile kwimali yabo yenkam nkam.

“Kunzima kakhulu ukungafumani nkxaso kurhulumente kuba kunyanzeleka ukuba amaxhego namaxhegwazana akhuphe isixa kwimali yawo yenkam-nkam ukuze atye,” utshilo uDuma.

Uthe kodwa ke baye bafumane amancedo kubantu abayi bonayo imeko aba phila phantsi kwayo ngokubaxhasa ngemali.

U-Nobuntu Nkanyuza wekhaya labantu abakhubazekileyo uthe ibalulekile kakhulu into abayenzelwe nguParker kuba nabo abafumani nkxaso kurhulumente.

“Kusebusika abantu aba sibongayo apha kubalulekile ukuba bahlale beshushu ngalo lonke ixesha,” utshilo uNkanyuza.

Naye uthe belikhaya bayabulela kakhulu kuParker ngokuba ethe makabancede.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.