Bathiwe jize ngezilamba

2019-08-15 06:00
Ootishala besikolo iMasiyile kunye nabafundi emva kokufumana izilamba zabo ku ceba. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Ootishala besikolo iMasiyile kunye nabafundi emva kokufumana izilamba zabo ku ceba. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ngabafundi abalishumi besikolo samabanga aphakamileyo iMasiyile, eKhayelitsha, abathe babanethamsanqa lokufumama izilamba zesikolo ezitsha ngoLwesine weveki edlulileyo.

Ezi zilamba baziphiwe nguceba we wadi uMonde Nqulwana kunye nosomashishini okhasayo uAndile Ndevu.

Esi sibini sithenge izilamba ezihlanu umntu ngamnye.

U-Nqulwana, nonguceba kwa wadi 89, uchaze eli phulo njengelizama ukuncedisana nabafundi kunye nabazali ukuqinisekisa ukhuseleko lwabo kwiingqele zobusika.

Uthe uye wacelwa ngomnye wabafundisi ntsapho kwesi sikolo ukuba azame ancede omnye wabafundi ekubonakala ukuba usapho lwakhe aluthathi ntweni.

“Ngoku bendithetha nalo mfundisi ntsapho ebethethe ngomntwana omnye odinga impahla yesikolo yokunxiba,” utshilo. “Ndithe ndisajonge leyo ndeva sekusithiwa inani lonyukile, ngoku balishumi”.

U-Nqulwana uthi uye wazama ke ukuqhakamshelana nabanye abantu ekuhlaleni ukuzama ukucela inkxaso ukuze kuncedwe aba bafundi.

Noxa esi sikolo singekho phantsi kwe wadi yakhe, siku wadi 94, uNqulwana uthi uninzi lwabafundi luphuma kwingingqi yakhe

Uthe njengoceba unalo iphulo aliqhubayo kwa wadi 89, nalapho axhasa khona abantwana abangamantombazana abafunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iMatthew Goniwe, eSite B, kunye nesikolo samabanga aphantsi iSoyisile, nalapho bathi banikezele ngee pads kabini ngonyaka.

“Kulo nyanka ndiye ndafakelela nesinye isikolo samabanga aphantsi iChumisa neku wadi 91 ukuzama ukuncedisana nabazali,”ucacise watsho uNqulwana.

Uthe kungekudala uzozama ukuthethathethana nabanye abantu ababefunda eMasiyile asele bephumelele ukuba babenenxaxheba abayenzayo.

“Ndivile ukuba olilungu nokwisigqeba esiphezulu se-ANC, uZizi Kodwa, wayefunda apha. Ndizokuthetha naye kunye nabanye ukuzama ukuba babuye bafake isandla ukuzama uncedisana nabafundi kwesi sikolo,” uthethe watsho uceba.

Omnye wabafundi ofumene isilamaba u-Avuyile Xaso (one 14 leminyaka) nofunda ibanga lesithandathu ubulele kakhulu, watsho esithi ubancedile kakhulu kuba abazali bakhe bebengakwazi ukumthengela.

“Ekhaya akukho mntu uphangelayo ngoku kunzima ukuba bandithengele yonke into endiyifunayo,” utshilo u-Avuyile.

Inqununu yesikolo uSisa Sodlaka naye ubulele kakhulu kuNqulwana watsho esithi impahla yesikolo yeyona yenza umntwana abenomahluko naphakathi kwabanye ukanti ikwamkhuthaza nakwizifundo zakhe. Uchaze ingingqi yase Site B njengenye yeendawo ezinabantu abaninzi abahluphekileyo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.