Bathole inkxaso yokungcwaba

2019-07-18 06:00
Umama wabafi uLindiwe Zwelibi ugxagwe zizizalwane zakhe Portia Gamtele (ekhohlo) kunye no Ntombifikile Ntutha (ekunene).UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Umama wabafi uLindiwe Zwelibi ugxagwe zizizalwane zakhe Portia Gamtele (ekhohlo) kunye no Ntombifikile Ntutha (ekunene).UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Lumaxhaphentshu ngamalungiselelo omngcwabo usapho lakwa Zwelibi, eCrossroads, emva kokufumana inkxaso mali ku somashishini ongafunanga kuchazwa.

Olu sapho luthe lwaphulukana namalungu amathathu, u-Aphiwe (25), Sonwabo (18) kunye no Sikelela (17), kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo ngethuba lo hlaselo kwindlu yomhlobo wabo. Kubikwa ukuba iqela loonqevu lifike lavulela ngezulu lezandla ngexesha bezihlelele.

Kukrokreleka ukuba ukubulawa kwabo kwayamene nemilo yoonqevu egqubayo kula ngingqi. Ukanti bangaphezulu kweshumi abantu abathe babulawa kula ndawo kwisithuba se mpelaveki enye, ntoleyo eshiye izibilini ziphezulu kuninzi lwabahlali. Oku kukwanyanzelise abasemagunyeni ukuba baxoze mphini wumbi ukulwa nobudlobongela ezilokishini. Phakathi kokunye urhulumente uthathe isigqibo sokutyala amajoni omkhosi nokongeza inani lamapolisa.

Ephawula ngokuthe kwenzeka kuquka amalungiselelo omngcwabo, utata wabafi uWatwana Zwelibi ubulele kumntu othe wabanceda, watsho esithi amaxhoba azakubekwa kwikhaya lowo lokugqibela eMthatha, eMpuma Koloni, ngoMgqibelo.

Noxa kunjalo uyibethelele into yokuba beli khaya baxhelekile sesi sithwakumbe.

“Silu sapho silahlekelwe ngoba besijonge lukhulu kwaba bantwana. Azange sicinge ukuba baya kusishiya ngolu hlobo, bavele basweleke ngexesha elinye,” utshilo uZwelibi.

Uthe oko abantwana bakhe bakhula azange beva bubi ngabo, kwaye lo nto yenza bazibuze engaphendulekiyo.

“Abantwana bashiye isikhewu esikhulu esingasoze sivaleke empilweni yam. Injongo zam ibikukolusa aba babini (ekupheleni konyaka) ngoba lo mdala ebesolukile,” ucacise watsho.

Wongeza ngelithi akanalwazi lwezinto ebebezenza xa bengaphandle.

Umama wabo uLindiwe Zwelibi uthe bashiyeke nabantwana ababini qha ngoku.

“Abantwana bam ngabantu abavanayo nabasoloko behamba kunye ngalo lonke ixesha. Ngoku ndishiyeke nongumfana ona 23 kunye noyintombi ona 13. Lona ungumfana naye usinde nje kuba ebeseMpuma Koloni ehlala nomakhulu wakhe ngoba ukuba ebekhona ngehambe nabo naye. Ngebesweleke bonke,” uthethe watsho uLindiwe.

Uqhube wathi bebeqinisekile ukuba u-Aphiwe ngoyena uyakuthi ajonge abantwakabo xa sele bebadala.

Oyinkokheli yokuhlala uXolisa Pukayi uthe bengabahlali basanxunguphele emva kokubulawa kothotho lwabantu kula ngingqi. “Sikukuhlala sililisana nezintsapho zigutyungelwe lilifu elimnyama. Sinethemba ukuba ukongezwa kwamapolisa ajikelezayo apha ekuhlaleni kuza kuwenza umahluko ukuthomalalisa oku kubulawa kungaka,” utshilo uPukayi.

Ubongoze abahlali ukuba basebenzisa namapolisa baze nenkcazelo ngaphambili.

Isithethi samapolisa kwisikhululo sase Philippi East uKapteni Bheki Xulu uthe akukabikho mntu ubanjiweyo malunga nokubulawa kwabantu kula ngingqi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.