Baviswe kamnandi abantu abadala

2019-06-06 06:00
Oomakhulu no tatomkhulu baseNyanga bawongwe ngamabhaso kumsitho wamapolisa ale ngingqi. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA.

Oomakhulu no tatomkhulu baseNyanga bawongwe ngamabhaso kumsitho wamapolisa ale ngingqi. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bezizele yimincili iinkonde neenkondekazi ezingaphezulu kwama 200 zaseNyanga nase Philippi ngethuba amapolisa aseNyanga kwakunye neqoqo lokhuseleko lwasekuhlaleni, iCommunity Policing Forum (CPF) ngabula makhumsha, zibanika amawonga.

Ezi ngwevu neengwevukazi zithe zenzelwa okusiwa phantsi kwempumlo phambi kokuba banikwe iingubo ezimfuma-mfuma kunye ne kofu eshoqololo.

Lo msitho ububanjelwe kwiholo yoluntu iZolani eNyanga.

U-Sophie Nkinqa, onama 63 eminyaka, uthe bachwayite kakhulu bengabantu abadala, ingakumbi xa bebona ukuba kukho abantu abazigcayo ngegalelo labo.

“Sehlelwa zizinto ezimbi ezindlini zethu nesiye sixwakwe nokuzixela emthethweni kodwa siyavuya kuba abomthetho besikhuthaza ukuba masize ngaphambili,” utshilo uNkinqa.

Wongeze ngelithi bonwatyiswe nakukufumana ukutya okunesondlo, kuba imali yendodla iye ingoneli. Uthe zininzi iingxaki abajongene nazo ebudeni benyanga.

Woleke ngelithi nengubo ezo bazifumeneyo zizakubanceda kakhulu kuba ubusika buyaqalisa.

Umphathi wesikhululo samapolisa aseNyanga uBrigadier Vuyisile Ncata uthe isizathu sokuba babambe lo msitho kukubonisa inkxaso nothando lwabo kubantu abadala. “Siyavuya kakhulu xa sikwazi ukuthi sisenabazali abasigadayo basiluleke baphinde basigxeke xasisenza izinto ezingezizo,” utshilo.

Uthe besisipolisa baqonde ukuba mabenze lo msitho ukwenzela abantu abadala bangaziboni belibalekile.

U-Ncata wongeze ngelithi into ebalulekileyo kukuba abantu abadala mabawazi amalungelo abo kwaye bafuna ukubanika inkonzo ezibafaneleyo.

Uthe kwisikhululo saseNyanga bazakuba nedesika ezakujongana nabantu abadala ukwenzela ukuba bangafoli ixesha elide xa befuna uncedo

“Abantu abadala babalulekile kuthi ngokho ke bafuna ukuphathwa njengabantu ababalulekileyo,” utshilo uNcata.

Usihlalo we CPF kule ngingqi uBuyisile Makasi uthe abonwabanga kuba abantwana ababamameli abantu abadala.

“Sifuna ukuninika ithemba lokuba amapolisa akhona ukunimamela nokunikhusela,” utshilo uMakasi.

Uthe ukuba bangasebenza kunye nabantu abadala izinto ezimbi abajongene nazo bangazilwa.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.