Bavutha amadangatye bubusela

2019-05-02 06:01
Umphathi sitishi saseLingelethu uFana Dlamini utyikitya uxwebhu lezikhalazo ngelixa ongusihlalo esigqeba yekomiti yesikolo uYandisa Qolo emjongile. uMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Umphathi sitishi saseLingelethu uFana Dlamini utyikitya uxwebhu lezikhalazo ngelixa ongusihlalo esigqeba yekomiti yesikolo uYandisa Qolo emjongile. uMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Baqhankqalazele kwisikhululo sama polisa ase Lingelethu ngoLwesihlanu abafundi, ootishala kunye nabazali babafundi besikolo samabanga aphantsi iHomba eKhayelitsha.

Eli qela, nebeliphephezelisa amaphekepheke adandalazisa ukukhathazeka kwalo, livakalise ukungaxoli yindlela amapolisa awusingethe ngayo umba wokuqhekezwa kwesikolo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Batyhole amapolisa ngokurhuqa iinyawo ekubambeni izikrelemqa. Ngokwengxelo, iqela lemigewu lathi langena kwesi sikolo ngethuba leeholide zepasika amatyeli amane. Kubikwa ukuba phakathi kokunye ezi zaphuselane zathabatha iikhompyutha ezingama 27, i printer, i projekta kunye nomatshini woku skena.

Usekela nqununu uMavo Jokazi uthe abaphathekanga kakuhle luhlobo amapolisa aqhuba ngalo uphando. “Kuqhekezwe iiveki ezimbini zilandelelana,” utshilo.

U-Jokazi wongeze ngelithi basola ukubakhona konyawo lwemfene kwesi singaneko. “Yonke lento iyakrokrisa ngoba yenziwe ngochwephesha,” utshilo. “Nezintsimbi zikhusela amacango kunye nefesitile zisikwe ngocoselela, kuyabonakala ukuba bayayazi aba bantu into ebebeyenza. Ne cameras ezi zilapha esikolweni azibabonisi ababantu kodwa ziyasebenza.

Noxa kunjalo uthe zikhona izinto ezifumanekileyo kwezo zithe zathathwa, watyhola amapolisa ngokwala ukuba nika.

Usihlalo wekomiti yabazali uYandisa Qolo uthe bacela amapolisa ukuba ayeke ukurhuqa iinyawo kulo mba. “Indlela amapolisa asebenza ngayo ayixolisi konke konke ngoba barhuqa iinyawo. Naxa uwabiza kukho isiganeko akafiki ngexesha,”utshilo uQolo. .

Ephawula ngezi zityholo umphathi wesikhululo samapolisa aseLingelethu uFana Dlamini uthembise ngokuwuqwalasela lo mba. Uqinisekise isikolo ngempendulo kwisithuba seentsuku ezimbalwa.

Ubongoze ootishala namalungu ekomiti yesikolo ukuba bahlale phantsi bazame ukufumana isisombululo. “Ngumsebenzi wabahlali ukuba bakhusele isikolo sabo. Naxa kukho into eyehlileyo esikolweni abahlali bafanele ukuba beze ngaphambili emapoliseni nenkcazelo ukwenzela ukuba abophuli mthetho babanjwe,” ubongoze abahlali ngelitshoyo uDlamini. Wongeza ngelithi ngamapolisa odwa anelungelo lokungena emizini agqogqe. Ubongoze ootitshala ukuba beze neenombolo eziyimfihlo (serial numbers ngolwasemzini).

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.