Bawongiwe abafundi baseLuleka

2019-10-31 06:01
Abafundi besikolo samabanga aphantsi eLuleka bawongwe ngezatifiketi emva koqeqesho.

Abafundi besikolo samabanga aphantsi eLuleka bawongwe ngezatifiketi emva koqeqesho.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibiyimivuyo nemincili kubafundi besikolo samabanga aphantsi iLuleka, eHarare, ngexesha bewongwa emva kokuqabelisa uqeqesho lokuxhotyiswa ngobuxhaka-xhaka bale mihla olwaziwa ngokuba yi computer coding ngolwimi lwasemzini.

Olu qeqesha lwenziwe ngokubambisana nombutho ozimeleyo iDream Factory Foundation. Ngabafundi abangama-70, ukususela kwibanga lesibini ukuya kuma kwelesihlanu, abathabathe inxaxheba kolu qeqesho noluthathe iintsuku ezimbini. Ukanti luthe lwagqutywa kwisikolo samabanga aphakamileyo iGardens Commercial kumbindi wedolophu yaseKapa.

Umfundisi ntsapho kwesi sikolo nobeququzelela olu qeqesho, uFuneka Sokoyi uwuchaze lo msitho njengobaluleke kakhulu nokwakhuthaza abafundi kwezobuchwephesha.

Uchaze eli phulo nje ngelizoqhubeka liqeqeshe abafundi nakwezinye iindawo.

“Sibone kubalulekile ukuba sixhobise abafundi ngendlela esetyenzisa ngayo i-computer. Ukanti sikwabalumkisa nangezinto ezinobungozi abathi abantu abaninzi bagaxeleke kuzo xa besebenzisa amakhasi onxibelelwano,” uthethe watsho uSokoyi.

Uthe injongo yabo kukubaqhelanisa nokusebenzisa ezochwephesha ngoku basekumabanga aphantsi. “Ingxaki uninzi lwezikolo ezisekuhlaleni azinawo amagumbi ezobuchwephesha, kukangako siye sathi sakufumana eli thuba lokusebenzisana ne Dream Factory Foundation saqonda ukuba masingaliphunculi,”uthethe watsho uSokoyi. Wongeza ngelithi olu qeqesho luzakunceda abafundi ukuba bakwazi ukwenza imisebenzi yabo yesikolo. “Ngexesha bebeqeqeshwa siye sanenyhweba yokuba abafundi bazokuthathwa apha esikolweni yinqwelo iphinde ibabuyise besakugqiba,”ucacise watsho.

Othethele lo mbutho uHarley Goneso uchaze ezi zifundo njengolwimi olusetyenziswayo kwezochwephesha nekubalulekileyo ukuba abafundi balwazi. “Umnqweno wethu kukuba uthi uphela unyaka sibe sele siqeqeshe abafundi abangaya kwama 5000,” utshilo uGoneso.

Umfundi u-Ayanda Cunukelwa (one 13) uwuchaze lo mnyhadala nje ngobakhuthazayo nobanika ithemba.

Uthe izinto ebekugxilwe kuzo ngamandla ngexesha bebefundiswa bebeyalelwa ukuba banganikisi ngenkcukacha zabo uquka amanani wabo ebhanki kumakhasi ezonxibelelwano.

Ukwakhuthaze nabanye abafundi nakwezinye izikolo ukuba xakuvele amathuba akumila kunje bangawanyevuleli.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.