Baxakene ne mfucu-mfucu

2019-03-28 06:01
Abahlali abahlala kufutshane nenkunkuma elahlwe ngokungekho mthethweni ecaleni kwendlela iGovan Mbeki bakhala ngevumba elinganyamezelekiyo.umfanekiso: UNATHI OBOSE

Abahlali abahlala kufutshane nenkunkuma elahlwe ngokungekho mthethweni ecaleni kwendlela iGovan Mbeki bakhala ngevumba elinganyamezelekiyo.umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abahlali base Browns Farm ePhilippi babongoza iSixeko saseKapa ukuba singenelele kwaye sithathele ingqalelo yonke imihlaba evulekileyo kwiindawo ekuhlalwa kuzo luluntu.

Bakhala ngelithi uninzi lwale mihlaba isetyenziswa bugwenxa ngabantu abathi bayenze intlambo yokufela amahashe.

Aba bahlali nabahlala kufuphi nendlela iGovan Mbeki bagxibhe baxabela oogxa babo ngokulahla inkunkuma kunye nobunye ubugoxo kula mabala ngelithi oku kubangela ungcoliseko kwindawo yabo.

Uninzi lwale nkunkuma lukwikona yendlela Govan Mbeki kunye neKombi.

Omnye wabahlali ohlala kufutshane ne ndawo ekulahlwa kuyo inkunkuma uNolulamo Fuzo uchaze imeko abahlala phantsi kwayo njengengaginyisi mathe.

“Abantu xa bengqiba ukulungisa izindlu zabo balahla wonke udoti wabo apha. Kungcolile apha kwaye kuyanuka, kukho neempukane,” utshilo.

Utyhole ngelithi abantu abalahla iinkunkuma kule ndawo basuka kwiindawo ezibangqongileyo.

Uthe ngamanye amaxesha baye bayiqokelele ngokwabo bayitshise le nkunkuma ngenxa yamaphepha angena eziyadini zabo. “Ngamanye amaxesha kukhe kuse kukho namanapkeni amdaka,” utshilo uFuzo. “Siye sithi xasibona ukuba amaphepha maninzi sicele umntu ukuba ayitshise.”

Uqhube wathi bakhona abantu abacocayo abaye bayiqokelele ngokwabo le nkunkuma.

U-Fuzo uthe kungangcono ukuba iSixeko saseKapa sinokuyibiyela yonke le mihlaba ingasetyenziswayo okanye sifake iibhodi ezilumkisa uluntu ngoku lahla inkunkuma kula mabala.

Ucebise ngelithi eminye yale mihlaba inonikezelwa kwiinkonzo ukuze zakhe iindawo zokukhonzela.

Uthe le nkunkuma ingumbona ombi kubantu abakhwele izithuthi ezidlula ngendlela.

Noxa kunjalo uthe azange bathethe no ceba wabo ngale nyewe, kodwa bakholelwa ukuba naye uyayibona ngoba uhamba kula ngingqi umhla nezolo.

Ephawula ngolu daba uceba wengqingqi uFikiswa Nkunzana uchaze oku kulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni njenge sifo sasePhilippi iphela.

Uyalele abahlali ukuba bohlukane nokulahla inkunkuma esithubeni.

“Le nto yokulahlwa kwenkunkuma nje naphi na ayenzeki kuphela kwindawo zamatyotyombe naba bantu bahlala ezindlini bayayenza.

“Andiwazi ukuba ngumkhwa abawuthatha phi lona ngoba imigqomo yenkunkuma iyaqokelelwa qho ngeveki,” uthethe watsho uNkunzana.

Kodwa ukwatyhole iSixeko saseKapa ngokurhuqa inyawo xa besibiza.

“Apha sinabantu abacocayo iveki neveki, kodwa kuyenzeka ukuba ngamanye amaxesha nezoziqhuma zenkunkuma zithathe ixesha zihleli endleleni zilindile bengafiki,” utshilo uceba.

Uthembise ngokuzama ukunxibelelana nabaphathi beSixeko saseKapa ukuba baxhome ibhodi ezibhaliweyo ezixela ukuba akulahlwa nkunkuma kula ndawo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.